Amaceph’ amatsha wephondo

Fundile Gade,

uMphathiswa wezeMfundo

“Zintathu izinto ezifuna ingqwalasela ekhawulezileyo kwisebe. Eyokuqala ngumba wokuqinisekisa ukuba utitshala wenza umsebenzi wakhe ngendlela eyonelisayo. Okwesibini, kuzo zonke izisombululo ezithatyathwe ngendlela yokulungisa imibandela yesebe, zinikwa ingqwalasela ukuze ezo zinto zilungiswe. Enye into, ngulo mba wokwakhiwa kwezikolo ezingekho semgangathweni ngokwenkqubo yeASIDI silandela amaxesha, ze siphinde sihlengahlengise izikolo. Ewe zikhona nezinye izinto kodwa ezo ndicinga ukuba zingasincedisa silisebe ukuba singazinika ingqwalasela.”