Amacwecwe amathathu amatsha kwiGospile!

Iimvumi zeGospile uRebecca Malope, uWinnie Mashaba noNolundi Bomela betyelele Isolezwe lesiXhosa eMontiIMIFANEKISO: SIMPHIWE FREDDIE

IGQALA kumculo weGospile uRebecca Malope uthi usafuna umculo wakhe uculwe kumaphondo olithoba oMzantsi Afrika, ukutsho oku ngelixa ekhuphe icwecwe lakhe lama36 eseqongeni lomculo.

Icwecwe lakhe elibizwa ‘Lord You Are Good’ yingqokelela yeengoma azenze neemvumi eziliqela kumculo weGospile, esithi oku kungenxa yokuba kudala esemculweni.

UReebs betyelele I’solezwe lesiXhosa eMonti kutshanje ngelazisa eli cwecwe lakhe.

Kweli cwecwe usebenze neemvumi eziliqela ezifana noDumi Mkokstad, Soweto Gospel Choir, Amadodana aseWesile, uSizwe Zako noLebo Sekgobela – ukubalula nje abambalwa.

“Lixesha elide ndisemculweni. Bonke [iimvumi] bajonge kum. Ndifuna ukubabonisa ndiyabathanda nanjengoko bendithanda,” kuncokola uMalope.

UMalope waqala emculweni ngonyaka ka1987 esenza umculo weBubblegum noMbaqanga ezilokishini zaseMpumalanga, apho wazalelwa khona.

Emva kokuphumelela kukhuphiswano lweShell Road To Fame zange aphinde ajonge ngasemva, waqhubekeka etyekeza uncuthu lomculo.

Uthi iingoma zange zonke azikhuphileyo ziphethe imiyalezo eyohlukeneyo. UMalope uthi nangona indlela yakhe emculweni bingelula nje, kodwa bekufanele ayihambe.

“Ukushiya abantwana, ulale emotweni, uvuke kusasa wosule nje ubuso kwiisinki zamagunjana angasese bekungekho lula kodwa bekufanele kwenzekile,” utshilo.

Le mvumikazi ikhulisa abantwana bakadade wayo ongasekhoyo.

Ubalisa ngokukhulisa abantwana bakadade wabo njengemeko eyayingekho lula kodwa ekwanyanzeleka afunde ukuba ngumzali, abathande abantwana njengabakhe.

UMalope uthi eli cwecwe litsha likhethekile kuye nanjengoko elivelise ngokwakhe, kwinkampani yakhe yoshicilelo.

“Ndizithanda zonke iialbham zam kuba ziphathele abantu abohlukeneyo imiyalezo. Ndiyithanda ngakumbi le kuba ndiyisebenze ngokwam, kwistudiyo sam,” kutsho uReebs ngoncumo. Kweli cwecwe kukho iingoma ezifana noNgonyama kaJuda, Izulu, Jeso kebophelo nengoma ethi Go Well athi ibhalwe nguSizwe Zako, neyaculwa ngethuba kubhubhe imvumi yegospile eyaphuma kwizandla zikaMalope, uLundi Tyamara. UMalope uthi unomnqweno wokukhupha incwadi eza kubalisa ngobomi bakhe nayibhale ngokwakhe. “Ndifuna ukulibalisa ngokwam ibali lam ngendlela endiyivayo, nendaziva ngayo ngelo xesha ndibalisa ngalo. “ Ndifuna ukuthi xa ndiyibhala ndimane ndicima ndakuphazama, ndiphinde ndiqhubekeke ndibhale,” utshilo.

UReebs, nodize ukuba ukwanaso isiphiwo sokudlala kwimidlalo yeqonga, ufuna ukudlala kwibali elingobomi bakhe, elibhalwe nguye buqu.

Uthi ukwabhala namabali amafutshane aseqongeni. Icwecwe lakhe elithi Lord You Are Good sele lifumaneka kwiivenkile zonke zomculo kuquka nezonxibelelwano lomnatha.

Ukanti kwangolu suku lunye, uMalope bengahambi yedwa, ebehamba neemvumikazi ezimbini, uWinnie Mashaba noNolundi Bomela – nabo besazisa ngawabo amacwecwe amatsha.

UMashaba, owaqala ukucula ngonyaka ka1998 kwiSpirit of Praise, ukhuphe icwecwe alibiza The Journey With Winnie Mashaba. Uthi kweli cwecwe uxube ezintsha nezo zaziwayo kwamanye amacwecwe akhe.

UMashaba, obhiyozela iminyaka engama21 esemculweni, ukhupha icwecwe le17.

Le nzalelwane yaseSekhukhune eLimpopo yaqala ukucula kwikwayala yasecaweni, eyasesikolweni neyasekuhlaleni.

Uthando lwakhe lokucula nokulangazelela ukufana noBrenda Fassie kwamenza wabhaqwa nguSolly Moholo.

“Utamkhulu wayehlala esithi ndiza kufana noBrenda Fassie ngenye imini. Umama wam wayehlala etsalela abavelisi bomculo bucala, efuna ukundinceda kweli phupha lam,” kutsho uMashaba ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Icwecwe lakhe sele lifumaneka kwiivenkile zomculo nakwezomnatha. Yena uNolundi Bomela kule nyanga ukhuphe ukracaza wecwecwe elithi ‘Somandla Ndincede’. Eli cwecwe lineengoma ezili15.

UBomela, onkaba ikwilali yakuBomela, eDutywa, uthi emva kokubona umama wakhe ecula enkonzweni nakweminye imisitho, oko kwamenza wazazi ukuba uzifuna kwiqonga lomculo.

Eli gqiyazana libe nethamsanqa lokusebenza nabavelisi bomculo abafana noSiyabonga Hlekani noTshepo Nzimande.

Icwecwe likaBomela lokuqala awalikhupha ngo2016 elalisithi Eloyi, elalinengoma ethi ‘Yiyo le ndlela’ lamvulela amasango kwiqonga lomculo emva kokuphumelela ngalo imbasa yeSATMA.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba amacwecwe akhe abezithengisela ngokwakhe kwiirenki zaseKapa nasekuhlaleni ngethuba esengumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo, anceda ukumkhupha endlaleni kwaye amakhela nekhaya elalikwimeko embi.

“Eli cwecwe lelombulelo nokunika ithemba kwabo bangenalo,” kutsho uBomela.