Amadangatya betshisa ibhokisi engcwabeni!

Oomama nootata baseMgwali eCumakala kwiveki ephelileyo bebukele kutshiswa utata welali kuba usapho lukrokrela ukuba uthwetyulwe

IBE ngumbono ongaqhelekanga eCumakala ngethuba kutshiswa ibhokisi emangcwabeni.

Oku kulandela emva kokuba kuthe kwagalelwa iparafini kwakunye nepetroli kumzimba katata uNkwali Kilani waseMgwali eCumakala ngethuba umzimba wakhe usebhokisini sele ufakwe kumngxuma wakhe phambi nje kokuba agqunyelelwe ngomhlaba.

Oku kwenzeke ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo ilanga lihlabe umhlaba.

Ingxelo ithi oonyana bakhe bayalele abangcwabi abaqhuba umngcwabo ukuba bavule ibhokisi xa kanye izokugqunyelelwa kuba befuna ukujonga ukuba ingaba utata wabo nguye na okanye yimpundulu.

Ngokwenene abangcwabi benze ngokomyalelo woonyana bayivula.

Lo gama kutshiswa, oomama ebebekulo mngcwabo bebegida becula iingoma zenkonzo yaseZiyoni, beqabe bonke ubuso mhlophe.

Oku bekubonakala nakwividiyo eshicilelweyo kwesi singcwabo.

Ulutsha lwaseMgwali neziphaluka lushiyeke lothukile sesi sehlo kwaye lubuzana ukuba “ingaba ngumgwebo bethu?” abanye besithi yayisenziwa xa usapho lufuna ukuqinisekisa ukuba ubhubhe ngenene na umntu okanye uthwetyulwe.

Ngokwengxelo yoncokolele eli phephandaba, utata uKilani ebephile engumqabaqaba engabikwa hlaba, wasuka wafunyanwa sisifuthufuthu esikhawulezileyo wacela ukukhutshelwa phandle kuba efuna ukubethwa ngumoya kanti kungethuba abhubha ngalo.

Ingxelo ithi kulapho oonyana bakhe bengakhange bakholiseke lolu hlobo abhubhe ngalo utata wabo ukuze babe bakrokrela ukuba uthwetyulwe.

Ulutsha luthi luyaqala ukuyibona le yenzeke kwilali yabo, ifana nentsomi. Usihlalo wombutho iSimanyene kuWard 13 eAmahlathi, uMlamli Fanti, uthi noko esi isenzo bayasikhalimela kwaye kubeka nobom boluntu engozini.

“Sibongoza uluntu lwethu lungakhe luyizame le into kwiintsapho zabo xa bengcwaba, ayamkelekanga. Kwaye siyichazile nasemapoliseni kuba sifuna ingalo yomthetho ingenelele,” utshilo uFanti.

IOfisi yeNkulumbuso ephondweni nayo isikhalimele esi senzo saseMgwali. Ithi uluntu lungakhe lukope lo mkhwa, maluziqelelanise nezenzo ezilolu hlobo. Le ofisi ikwancome amapolisa athe avula ityala malunga noku.