Amadod’ awafani afana ngentshebe

Yizani namagub’am pha ndiphangele,

Vulan’ezondletyana ndizigqogqe umphula,

Ndithetha nabani ndithetha nezithulu nje,

Izwi lam malinkenteze ezindlebeni zenu,

Ukuthetha kwam makuvakale kuni,

Ukungxola kwam makuvule amehlo wenu,

Ubuxelegu ayikokungahlambi kuphela.

Madoda namadodana liphume latsoliswa,

Belingakhethe bala mntu,

Belingakhethe hlanga lwamntu ,

Liphume latsola lath’amadoda zinkunkuma,

Xa amadod’ezinkunkuma engafakwa emgqomeni nje?

Yekabani le ndoda iyinkunkuma?

Ngutata kabani lo uyinkunkuma?

Nguyise kabani lo uyinkunkuma?

Ngumalume kabani lo uyinkunkuma?

Akumadoda onke azizidlwengu,

Akumadoda onke angababulali,

Akumadoda onke azizikrelelmnqa,

Akumadoda onke angongantweni,

Akumadoda onke ayingqushu,

Koko libathwana elenza kuqukwe amadoda wonke,

Andithetheleli amadoda kuba andiyondoda,

Andihlanguli madoda kuba soze ndibe yindoda,

Andikhuseli madoda kuba andinabudoda,

Ndinganqweni kodwa ba kuqukwe amadoda onke ebunkunkumeni,

Amadoda awafani ,afana ngentshebe.

Makwedini ubudoda abufundelwa,

Makwedini ubudoda ayikokuty’utywala,

Makwedini ubudoda ayikokuba nemali eninzi,

Makwedini ubudoda ayikokuba sesikhundleni esiphezulu,

Makwedini ubudoda ayikokungen’ethontweni uphum’usithi hii ndiyindoda,

Makwedini ubudoda ayikokuba nesisu esikhulu,

Makwedini ubudoda ayikokuba nemoto ezilishumi,

Ubudoda buyakhulelwa abukhululwa ,

Ungakhuli ngomzimba koko ukhule ngengqondo,

Ubudoda buyasetyenzelwa abusetyenzwa,

Ubudoda ayikobek’isandla koncuma naye,

Ubudoda ayikokunqunq’imveku uyipheke uyitye,

Ukunqunq’usana ulupheke bubulwanyana,

Ubudoda ayikokubulala umfazi ngenxa yezibindi zenkukhu,

Ukubulala umfazi bubugwala nobunja,

Ukudlwengula ayikabi bubo ubudoda,

Koko bubugwala obudibene nobuxelegu.

Atheni lento amanye amadoda enje?

Awasafanele kubizwa ngamadoda

Mawathiywe gama limbi,

Mhlawumbi ubunkunkuma obu maboyanyaniswe negcuntswana lendladiya,

Ubunkunkuma obu maboyanyaniswe nale mbinana ichukuluza amabhinqa,

Ubunkunkuma obu maboyanyaniswe nongantweni,

Ubunkunkuma obu maboyanyaniswe nababulali,

Ubunkunkuma obu mabubhekiswe kwelibathwana lingcolis’ibandla lasebuhlanti liphela,

Banikeni igama elibafaneleyo ,

Banikeni igama elinokubancamathela,

Maboxuthwe igama elithi “NDODA”

Banikwe gama limbi elifanele isidlwengu nombulali,

Balirhuqe eludaken’igama le ndoda de kwaqukwa namadoda okwenyani,

Ndithe amadoda awafani afana ngentshebe.