Amadoda alala namanye akumngcipheko omkhulu kaGawulayo!

KUSHIYEKE iveki enye kuphela, kanye ngosuku lokuzalwa kukaMadiba, iyasuka inamba eThekwini, nanjengoko izakube iqala inkomfa yehlabathi kaGawulayo (21st International Aids Conference eDurban ICC. Mininzi imiba eliqela ekulindeleke ukuba ichatshazelwe kule nkomfa, phakathi kwezinto ezizakuthethwa :

.Unyango njengesithintelo: Ingaba uvavanyo nonyango lunendima oluyidlalayo kulo suleleko olutsha?

.Ukuphelisa uGawulayo: Yeyiphi inkqubela-phambili eyenziweyo ukuze kufezekiswe umgomo ka- 90- 90- 90 ?

Ingaba unyango lwe-HIV luyalunqanda ulosuleleko kwabo bathandanayo?

.Uphando olwenziweyo luzakucacisa kakuhle ngalo mbuzo. -PrEP:

Ingaba ifumaneka njani iPrEP?

Ingaba uhoyo lwe-HIV lungenziwa njani ukunika ingqwalasela kwinani elikhulayo labantu abadinga unyango. .Inkqubela-phambili kunyango lolosuleleko lwe-HIV:

Nkqubela enjani eyenziweyo kulo nyaka uphelileyo?

Lityeli lesibini eli lizwe, ngentsebenziswano ne-International Aids Society, lizakube lisingathe eyona nkomfa yakhe yankulu kwicandelo lezempilo yehlabathi okanye umba wezophuhliso kwilizwe jikelele. Malunga nama- 18 000 eendwalutho, iwaka leentatheli eziphuma kumazwe angama-180 kulindeleke bagxalathelane kule nkomfa.

Le nkomfa kulindeleke ibe negalelo elingaphaya kwezigidi ezingama-800 zeerandi kule nqila. Amagama amakhulu aziwayo kwihlabathi kwakunye noosaziwa belizwe jikelele, kulindeleke bathi cakatha eThekwini.

UDr Memory Muturiki, oyintloko ye-ofisi ejongene nobhaliso lwe-Aids 2016 for Afrika, utye tyum kwintatheli yethu ngamagama akuluhlu lwe-VIP.

“Kuphela ndingathi kulindeleke abasebukhosini abasuka kwilizwe jikelele ngokunjalo nabo babefudula bezintloko zamazwe,”utshilo. Ngethuba lenkomfa yokuqala kaGawulayo eyayibanjelwe eThekwini ngonyaka ka-2000, uMuturiki waye kwisikolo sezonyango kwiYunivesithi yaKwaZulu-Natal.

Loo nkomfa yalo nyaka, yaba liqonga lomsindo nemisadulo, yaze kwiinyanga ezintandathu, iinkqubo eziliqela zonyango lwe-HIV zikawonke-wonke zaqalisa kwilizwekazi le-Afrika. Kungoku nje, uMzantsi Afrika ubonwa njengohamba phambili nanjengekhaya kwinkqubo enkulu yonyango lwe-HIV kwilizwe jikelele.

Babemalunga neshumi elinesihlanu lezigidi kwilizwe jikelele abantu ababe kunyango , kodwa kungoku nje abantu abashiyeke ngemva ngabo basebenza ngemizimba, amadoda abelana ngesondo namanye, amabanjwa kwakunye nabo batsha, utshilo uMuturiki.

Ukanti ngokutsho kwe-Times Lives, nangona inani lolosuleleko lwe-HIV libonisa ukwehla kwihlabathi jikelele, kodwa izinga lolosuleleko kumadoda athandana namanye okanye amadoda alala namanye libonisa ukonyuka.

Iqhubeka ithi, umngcipheko ophezulu wesondo elingakhuselekanga (anal sex), ngokunjalo nokucwethelwa nokubukulwa, ngoonobangela abadala ingxaki enkulu kweli qela.

Kolu phando lwenziwe nguChris Beyrer, oyiNjingalwazi yeMpilo yoLuntu eBloomberg School, ubukulwano ludlala indima ephambili kulo mngeni. UBeyrer, okwangumongameli we-International Aids Society, nguye ozakujongana nale nkomfa iqalayo kwiveki ezayo. “Kumazwe amaninzi, aba bantu bangamadoda abamkelekanga kwiikliniki zempilo.

Uloyiko lokubukulwa alumanga nje endleleni yonyango kuphela, kodwa nakuvavanyo, nto leyo inganabisa usasazo lwesi sifo.” UBeyrer uphawule ngelizwe laseMalawi nalapho ndoda ithile yayivavanyelwa isifo solosuleleko lwangaphantsi, yabanjwa, emva kokuba kwafunyaniswa ukuba isosulelwe yenye indoda. “Ukubanjwa kwakhe kothusa amanye amadoda, aze oyika ukuvavanyelwa iHIV nezinye izifo ezosulelayo,” utshilo.

Kwakule ngxelo, uJames McIntyre weAnova Health Institute, uthi uphando lubonisa ukuba amadoda abelana ngesondo odwa, enza umyinge ka-10% kulosuleleko lwakutsha nje kweli lizwe.

Kwiindibano ezandulela le nkomfa, enye izakubandakanya umngcelele woomakhulu abaliwaka abazakuphakamisa umba woomakhulu abashiyeka bezikhulisela abazukulwana babo, ngelixa abantwana babo bebulawa sisifo sikaGawulayo. USekela-Mongameli weli uCyril Ramaphosa kulindeleke ayivule ngokwakhe le nkomfa