Amadoda amabini abanjwe ngezityholo zokubulala izithandwa zawo

Amadoda amabini abanjwe ngezityholo zokubulala izithandwa zawo.

Amapolisa abambe amadoda amabini ngezityholo zokubandakanyeka ekubulaweni kwabantu abathandana nabo kwiziganeko ezahlukeneyo kwisithili saseOR Tambo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, kutyholwa ukuba ngoMvulo we30 kweyoMnga ngo2024 ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku kwindawo yaseNkonkweni kuQumbu, indoda (32) yabulala umfazi (24) wayo, emva kokurhanela ukuba uyakrexeza.

“Umrhanelwa oneminyaka engama32 ubudala wabanjwa, kwaye uza kuvela kwinkundla kamantyi wakuQumbu ngoLwesine umhla wesibini kweyoMqungu 2025 ukuze ajongane netyala lokubulala.

“Kwesinye isiganeko sangoLwesibini umhla wama31 kweyoMnga ngo2024 malunga nentsimbi yesine kusasa, kutyholwa ukuba eMqanduli, kwingingqi yaseMancam, eLower Ngqungqu A/A, kubanjwe indoda eneminyaka engama47 ubudala ngetyala lokubulala, emva kokuba kutyholwa ukuba wakrwitsha intombi (40) yakhe ngebhanti,” utshilo uMatyolo.

Ulwazi olukwiingxelo zamapolisa lubonisa ukuba umrhanelwa wabethwa ngabahlali phambi kokuba abanjwe. Okwangoku usesibhedlele, phantsi kweliso lamapolisa. Uza kuvela kwinkundla kamantyi eMqanduli kungekudala.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana udlulise amazwi ovelwano kuzo zombini iintsapho ezichaphazelekileyo ngokulahlekelwa kabuhlungu zizihlobo zazo.

“Ezi zenzo zingenalusini zeGBVF, ingakumbi kubantu abasesichengeni kuluntu lwethu kufuneka zifikelele esiphelweni. Singamapolisa, asokuze siphumle de soyise umlo ochasene nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini,” uvale ngelo uMajor General Modishana.