Amadoda amahlanu afunyenwe edutyulwe ebhubhile kwityotyombe elikumatyotyombe aseMadikizela, eMfuleni, eKapa, emva kwemini ngeCawe.
Amapolisa abizelwe kule ndawo ngecala emva kwentsimbi yokuqala emva kwemini ze athi akufika afumana imizimba yamadoda amahlanu enamanxeba okudutyulwa aphakathi kweminyaka eyi19 ukuya ku30 kwityotyombe elikwikona yezitalato iPolisa neDeputy. Oku kuvakala ngokwengxelo yamapolisa ephuma kwisithethi samapolisa uBrigadier Novela Potelwa.
Isizathu sokudutyulwa siphantsi kophando lwamapolisa oluqhutywa ngabaphandi kwicandelo lolwaphulomthetho olunobundlobongela ephondweni, utshilo uPotelwa.
Akukabanjwa mntu okwangoku. Amapolisa aseMfuleni avule idokethi lokubulala ukuze enze uphando.
Nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komenzi wobubi okanye abenzi bobubi besi siganeko uyakhuthazwa ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku08600 10111 okanye asebenzise iMySAPS App ukuthumela iinkcukacha.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!