Amadoda angasebenzisa iifani zabafazi bawo xa etshata

Amadoda angasebenzisa iifani zabafazi bawo xa etshata. Umfanekiso: depositphotos

Ngokwesiqhelo, umthetho awuwavumeli amadoda ukuba asebenzise iifani zabafazi bawo xa betshatile; abafazi kwelinye icala bavumelekile ngokusemthethweni ukuba batshintshe iifani zabo.

Kwisigqibo senkundla sakutshanje, abayeni ababini bakwazile ukuwucel’ umngeni umthetho baza bafumana ilungelo lokusebenzisa iifani zabafazi babo.

Oku kubangele ingxoxo kumakhasi onxibelelwano. Isigqibo seNkundla ePhakamileyo yaseBloemfontein kutshanje senze abayeni ababini baphume enkundleni bonwabile.

Esinye isibini sasifuna ukuba umyeni athabathe ifani yomfazi wakhe, ngoxa esinye isibini, umfazi wakhetha ukusebenzisa iifani ezimbini – eyakhe neyomyeni – kwaye umyeni wanqwenela ukusebenzisa ezo fani zimbini.

ISebe leMicimbi yezeKhaya lazikhaba zombini ezo zicelo, lisithi umthetho awuluvumeli olo tshintsho.

Baxelelwa ukuba kuza kufuneka benze isicelo kuMlawuli Jikelele kwaye banike izizathu ezaneleyo zokuba kutheni befuna ukusebenzisa iifani zabafazi babo.

Ngenxa yoko, ezi zibini zayisa iSebe leMicimbi yezeKhaya enkundleni zifuna umyalelo wokubhengeza iCandelo lama26(1)(a)-(c) lomthetho iBirths and Deaths Registration Act njengongahambelani nomgaqo-siseko.

Baye bathi lo mthetho ucalula ngezizathu ezahlukeneyo zesini, njengokunganiki owasetyhini ilungelo lokuba iqabane lakhe lisebenzise ifani yakhe; okanye ukuvumela indoda ukuba ithathe ifani yomfazi wayo xa betshata.

Baphinde bathi ayilunganga into yokuba utshintsho lwefani yendoda xa itshatile ixhomekeke kuMlawuli Jikelele phantsi kweCandelo lama26(2) lomthetho.

Baphinde bacela inkundla ukuba iwubhengeze uMmiselo we18(2)(a) weMimiselo ka2004 yeRegistration of Births and Deaths njengongahambelani nomgaqo-siseko, besithi ucalula amadoda ngokungaboneleli ngotshintsho kubume bomtshato wendoda.

Inkundla ivumile ukuba umthetho weBirths and Deaths Registration Act unocalucalulo ngokwesini, yaze yanika ipalamente iminyaka emibini ukuba ilungise lo mthetho.

Ngoku kuxhomekeke kwipalamente ukuba ithathe isigqibo ngalo mthetho ukuze amadoda afuna ukusebenzisa iifani zamakhosikazi awo xa etshatile akwenze oko ngaphandle kwengxaki.