Amadoda aseCala alugcwabevu ziingxaki

Iqumrhu lamadoda aseCala elaziwa njengeCala Men’s Sector lithi uninzi lwamadoda aseCala luthe cwaka ngeengxaki zawo nto leyo ebangela ukuba ajongeke njengezilwanyana ekuhlaleni kuba ahlala elugcwabevu ngumsindo obangelwa luxinzelelo lwengqondo.

Umququzeleli weli qumrhu uNkosinathi Magunya oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala uthe: “Injongo yethu kukulwa nesifo sikagawulayo nentsholongwane yaso, sikwakhuthaza amadoda ekubeni abe noxanduva abe ngootata ababakhathelelayo abantwana babo.” Eli qumrhu likwavakalise ukuba uninzi lwamadoda luyoyika ukuvavanyela isifo sikagawulayo nentsholongwane yaso koko lusebenzisa abantu ababhinqileyo ukuze lwazi ngemeko yobume balo kwesi sifo.

“Xa ingasebenzi indoda ijongwa njengesifede, umntu ofe ethwele umnqwazi, kwaye uninzi lwethu aluthethi ngeengxaki zethu, sigcina zonke iinkxwaleko zethu ngaphakathi nto leyo zithi zakugqabhuka zidale iindlobongela zamadoda afana nezilwanyana ezinobungozi, kwaye ayahlekwa amadoda xa esiya kubika emapoliseni ngokuxhatshazwa ngamabhinqa,” utshilo uMbuyiselo Joja olilungu leli phulo. La madoda athi kufanele iinkundla zoMzantsi Afrika zihlawulise namabhinqa imali yesondlo hayi amadoda kuphela.

Eli qumrhu likwacela inkxaso kuye nabani na onokuthi alincede khon’ ukuze likwazi ukunwenwela kwiphondo lonke libamba iingxoxo namadoda kwanamakhwenkwe.