Amadoda aseMonti alwa izenzo zobundlobongela

Ngomso siza kuma ngxi isitalato esikhulu sedolophu yaseMonti xa amadoda alo mmandla neziphaluka eza kube ebambe umngcelele osuka eNorth End usiya eCity Hall apho baza kube bevakalisa elabo ilizwi besithi phantsi ngezenzo zokuphathwa gadalala kwamakhosikazi kwakunye nabantwana.

Lo mngcelele uququzelelwa nguLitha Sihawu, uLuhle Bottman kwakunye noSiyabonga Rumbu.

Lonke ulutsha lwamkelekile ngomso. Olu lutsha luza kube lugqithisa uxwebhu olunomyalezo wezicelo ezinokwenziwa ukunqanda ezi zehlo zokuxhatshazwa kwamakhosikazi kumapolisa kwakunye neeHawks zaseBuffalo City Metro Municipality.

USihawu, uthi ezinye zeenjongo emva kwalo mngcelele kukufundisa abantwana abangamakhwenkwe ngokohlobo amabawaphathe ngawo amanina.

Uthi umcimbi uza kuqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ngomso.

Kulo mngcelele kuza kunxitywa impahla embala omnyama kwakunye nenombala obomvu.

abongile.ginya@inl.co.za