Amadoda athi hayi egameni lawo

Amadoda ephondo laseMpuma Koloni, aquka abezopolitiko nabeenkonzo, bazixube namakhosikazi kule veki besithi bafuna ukubonakalisa ukuba asekhona amadoda okwenene.

La madoda athe ayinxalenye nomngcelele obukhokelwa ngamakhosikazi eBhisho, ujolise ekucengeni urhulumente ukuba aqinise izigwebo zamadoda axhaphaza oomama nabantwana.

UBhishophu webandla iPalace Life Christian Church eNgcobo, uA.Z. Gqira, ungomnye wabo bakhalimele izenzo zabefundisi abathe gqolo ukuvela ezinkundleni, bejongene nezityholo zokudlwengula kwanokuphatha gadalala abantwana kwakunye namanina.

“Ndithe ndakuva ngale ntshukumo yenziwa ngoomama, ndaziva ndichukumiseka ndathi nam mandize ndizokuthi hayi, kwanele. Ndisuswe yintlungu ngendlela yohlobo abaphatheke ngayo oomama kwakunye nabantwana besizwe sethu.

“Ngamaxesha onke siziva iziganeko zabefundisi abadlwengulayo ayisonwabisi konke konke lo nto. Kangangokuba singabefundisi sikwiphulo lokuba sidibane ngeenzame zokuza nesisombululo kuba oku kwenzeka endlini kaThixo singakulwa njani,” utshilo uGqirana.

Ukanti la madoda athe agxeka oosisi abahlala kude kuhlwe kwiindawo zentselo, besithi oko kubenza amaxhoba okudlwengulwa kwakunye nokubulawa.

Umfundisi webandla lamaZiyoni eMonti, uCingile Blacky, okwakumbutho iMen For Change, uzeke emzekweni enikeza inkxaso kumanina kuba kukho isikhalo kwilizwe labantu abadala kwakunye nabantwana abangonwabanga ngenxeni yokuxhatshazwa ngamadoda.

“Singamadoda sisajongene namaqhalo esiXhosa angasincedisi nganto awathi indoda ayikhali nokuba ingxaki injani. Lo nto iyayenza ingxaki kakhulu, yile uye uve ukuba umfundisi okanye utata othile udlwengulile kuba kukho nto eyayimhluphile zange akhale wazomeleza, yakufika acinge ukudlwengula okanye ukubetha njengesona sisombululo.

“Ngoku sikhuthaza ukuba akuba sengxakini amadoda mawakhale. Xa unengxaki dibana nomnye umfundisi uyichaze ingxaki nakugqiba nithandaze, ndicinga ukuba oku kungabasisi sombululo,” uvale ngelo uBlacky.

abongile.ginya@inl.co.za