Amadoda ayabongozwa ukuba alwe iGBV

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uphehlelele ikhwelo lokuthatha amanyathelo okulwa neGBV ngokutyikitya isibhambathiso ekunye namadoda aphuma kuwo onke amacandelo oluntu ePofadder, eMntla Koloni, ngexesha lokubhiyozela uSuku lwabaseTyhini lwalo nyaka ngomhla we9 kweyeThupha.

USekela Mphathiswa kwiOfisi kaMongameli ojongene namakhosikazi, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, uSteve Letsike, ubongoze amadoda asuka kuzo zonke iinkalo zobomi ukuba afane noMongameli Ramaphosa ekutyikityeni isibhambathiso sokuthatha amanyathelo okulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBVF).

Isibhambathiso sibophelela amadoda ukuba abe ngamahlakani kunye nenxalenye yesisombululo ngokugcina isimilo nesimo sengqondo esilungileyo, nokuthatha uxanduva ngezenzo zabo.

Esi sibhambathiso sikwabophelela amadoda ukuba angaze aphakamise isandla emfazini, aphathe abasetyhini njengabalingana nabo, ahloniphe amalungelo abasetyhini, kwaye aphathe abasetyhini ngesidima.

ULetsike uncome ukuzibophelela kukaMongameli kwesi sibhambathiso. “Sihlaba ikhwelo kuwo onke amadoda, ngokweyantlukwano yawo, ezilokishini, kwiilali zethu, nakwiidolophu zethu, ukuba atyikitye esi sibhambathiso kwaye adlale indima ebonakalayo kumlo wethu wokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwabasetyhini.

“Singavuma ukuba akukho nkosikazi, akukho mntwana, akukho mntu weLGBTQ, akukho mntu ukhubazekileyo, kuquka namadoda, ofanele ukufela ezandleni zabanye abantu, ngakumbi ezandleni zamadoda. Kufuneka siphelise lonke uhlobo lobundlobongela ekuhlaleni, sakhe iindawo zokuhlala ezikhuselekileyo nezinoxolo ezisifaneleyo,” utshilo uLetsike.

USekela Mphathiswa uqhube wathi xa sisonke, kuninzi okunokwenziwa ukwakha uluntu apho wonke umntu aphathwa ngesidima nentlonipho. “Isibhambathiso sakho sixabiseke kakhulu, kwaye ifuthe lenu liya kuvakala kwizizukulwana ezizayo,” utshilo uLetsike.

Ungatyikitya isibhambathiso apha: https://www.stateofthenation.gov.za/endGBVF.