Amadoda ziindladiya zeendlavini ewonke

SIYAZI ukuba amanye amadoda aza kuthi ‘hayi, mna zange ndangcungcuthekisa mntu wasetyhini!’ xa sisithi amadoda onke ziindlavini.

Bambi bakuthi batshatile kwaye bawaphatha kakuhle amanina asebomini bawo. Kuhle. Kodwa ukuba uqaphela iphepha lethu lokuqala namhlanje uyakufunda ibali lentwazana ebulawe kwiposi; ibulawa nje, ibulawa yindoda esebenza eposini nedume ngokuthanda iilokhwe.

Kuyavela nokuba sekuvel’ okuhlehliswa ityala lokudlwengula ngakuyo. Kulapho ke amanye amadoda anokuthi ‘kodwa asingeni ndawo, yindoda enye le!’Kulapho ke siyibhuda khona sisonke.

Ubudoda nezenzo zamanye amadoda luxanduva lwethu sonke singamadoda. Ukuba kukho amadoda abhoxayo ekuhlaleni bekumele ukuba siwahlalisa phantsi siwacebise. Ukuba kufumaniseka ukuba loo ndoda ayizenzi, iyagula, siyithumele koogqirha. Sifane sihleke xa amanye amadoda ebhantsa amanina ezigqithela.

Sifane sihleke xa amanye amadoda ebetha umlozi qho xa kugqitha umntu wasetyhini. Sifane sihleke xa enye indoda ijija ingalo yebhinqa, inyanzelisa ukuvunywa.

Kodwa into esingakhe sizibuze yona ngezi zinto yeyokuba kutheni abantu basetyhini iyinto yokubethelwa umlozi nokuphathwaphathwa ingacelanga. Kutheni umntu wasetyhini eyinto kwiliso lendoda?

Into yokuzivisa kamnandi ngokwesondo. Into yokubetha nokuqhwaba xa unomsindo. Yintoni le ibangela ukuba uvelwano lugityiselwe pha kude xa uyindoda, ujongene nomntu wasetyhini?

Ingaba na iinjongo zethu singamadoda kukuwalala qha amanina? Okanye kukukhula nawo njengabalingani? Akho nina liziva likhuselekile kula maxesha.

Ukuba ukroba amakhasi onxibelelwano uyakufumanisa ukuba iveki le yonke ibinzima ngamabali wamanina athi nawo sele evela ukuba ngamaxhoba; amaxhoba ezidlwengu, amaxhoba okuxhatshazwa nokungcikivwa ngamadoda.

Noko, ayihambi kanje xa iza kulunga. Lifikile ixesha lokuba amadoda akhe ahlale phantsi azigocagoce ngendlela ayiyo. Kufuneka siqwalasele nendlela esiwakhulisa ngayo amakhwenkwe. Aba malume nootatomkhulu bakudala abasoloko besithi awuyondoda ukuba awenzanga le na le kumntu wasetyhini kufuneka bakhe bangahoywa ngoku. Ingxaki ikhona. Amanina ayakhala.