Amafa: IMpuma Kapa iding’ igama

UNkosi uMwelo Nonkonyana kunye noPhumulo Masualle iNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni kumsitho wokubhiyozela usuku lwamafa esizwe eMthathaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Eli gama lingu ‘Mpuma Kapa’ ayilogama, kukutolika nje * ‘Eastern Cape’. Sisalathisi nje esibonakalisa ukuba siphi eMzantsi Afrika. Asikabinalo igama sileli phondo!” kutsho uNkosi Mwelo Nonkonyana, kwimibhiyozo yamagugu namafa eMthatha kule veki.

“Sinazo iinkokheli zemveli esinokuthiya ngazo, zininzi, zingangeentwala kubaThembu!” uqhube watsho uNonkonyana phambi kokuba akhwele ezehlela kwezinye iinkosi neenkokheli ezithe gqolo ukukruthakruthana nokukwekwana endaweni yokusebenzisana nokuthetha ngazwi linye.

Kwangolu suku, inkulumbuso yeMpuma Kapa, uPhumulo Masualle, uyibekele bucala intetho yakhe ebibhalwe ngesiNgesi “esitshisiweyo” wangena nzulu kwezenkcubeko ngesiXhosa: “Soze sikhululeke sisajongela phantsi inkcubeko yethu. Inkcubeko yethu ayihambisani nobuvila, ayihambisani nokusoloko sikhongoza.

Isiseko senkcubeko yethu kukusebenza!” uchazele abo bebegcwalise iholo laseWSU eZamukulungisa Heights.

“Sisoyame kakhulu kwinkcubeko yabo babesingcikiva izolo,” uqhube watsho uMasualle.

Naye uvakalise inkxaso yakhe kumxholo wembuyekezo yomhlaba, “Indlela yethu yokuphila ngumnqa; abona bantu baninzi kweli ikwangabona bangamahlwempu. Abona balinani elincinci ngabona baphethe ubuninzi bobutyebi beli. Umhlaba mawubuye ukuze sikwazi ukutshintsha ezi zinto.”

Ukutshintshwa kwamagama, isinxibo sesiNtu, ukuzingca ngenkcubeko yethu, ukuthetha iilwimi zethu nokuqaphela amasiko nezithethe zethu ibe yimiba egxininiswe zizo zonke izithethi kule nkqubo ibibhexeshwa ngowayesakuba nguMphathiswa wezoLimo, uMlibo Qoboshiyane.

Umxholo wolu suku lwamagugu namafa ibingu “The Year of Nelson Rholihlahla Mandela: Advancing Transformation of South Africa Heritage Landscape”.

Imibhiyozo kazwelonke iqhutyelwe eKokstad, nalapho kutyhilwe umfanekiso oqingqiweyo kaAdam Kok wamaGriqua.

Isithethi sosuku ibe nguSekela-Mongameli David Mabuza.

Ukanti iinkokheli zamaKhoi ezintlanu ziye zagaxeleka kwingozi yemoto, xeshikweni iteksi ebebeyiqeshelwe isiwa kufuphi noMthatha.

Babalekiselwe kwisibhedlele iNelson Mandela Academic nalapho abathathu sele bekhululwe. Bebesingise eKokstad.