Amagama abafundi abasungula iFort Hare

Uluvo lokwakhiwa kweKholeji yokuhlohla abantu abaNtsundu eyayiza kuthi ikhuliswe ide ibe yiyunivesithi, lwavela noGqirha Sterwart (uSomgxada) owayeyinqununu eLovedale, lwaze lwavunywa lwathakazelelwa nayikomishini eyayibizwa ngokuba yiNative Affairs Commission yeminyaka u1903-5.

Ngowe1905 uGqirha Stewart wasweleka sele equlunqe umfanekiso wendlela yokwakhiwa kwale yunivesithi, wayefuna yakhelwe abantu abaNtsundu. Wayefuna yena ihlonyelwe eLovedale.

Uthe esandula ukusweleka ngowe1905 kwahlangana ingqungquthela yamaAfrika aphambili ekuphuhliseni iAfrika, yahlanganela eLovedale kwaSomgxada.

Le ngqungquthela yagqiba ekuthini ibhalele iHigh Commissioner ngalo mba. Le khonvenshini yenza indima enkulu yokutsalela abantu bonke boMzantsi Afrika naseLesuthu kolu luvo.

Bathi benza ukuba uRhulumente naye abe nomdla kulwakhiwo lwale kholeji. Enye into bathetha neenkosi nabantu ukuba makusekwe ingxowamali yokuqala eli phulo lokwakhiwa kwale kholeji.

Nazo iinkosi zabaNtsundu zaba nomdla omkhulu kule nto icetywayo. Kwathi ngowe1907 kwasekwa ibhodi ekwakusithiwa yiExecutive Board of Inter-State College.

Le bhodi yayime ngolu hlobo: uMfundisi uJames Henderson, uSihlalo; uJ. W. Sauer; uColonel Charles P. Crewe; uColonel Walter Stanford; uMnu. N.O. Thompson; uGqr. Neil Macvicar; uMnu. K.A. Hobart Houghton; uCeba Gasa; uMnu. John Tengo Jabavu. Yile bhodi ke eyasebenza nzima ifuna iimali zokuseka le Yunivesithi yaseFort Hare.

Ikwayiyo eyagqiba ekuthini indawo emayisetyenziselwe ukumisa isakhiwo seyunivesithi ibe yinqaba yamajoni ekwakusithiwa yiFort Hare.

Kwakunzima kakhulu kuba eli yayilixesha lokusekwa koMdibaniso woMzantsi Afrika kukho amathandabuzo kwezopolitiko.

Amanye amathandabuzo amaninzi ayemalunga namanani abantu abaza kufunda kule kholeji, futhi nexabiso lemali laliphantsi kakhulu ngenxa yoxinizelelo loqoqosho.

Le bhodi yaqokelela imali ebantwini.

Icawe yaseRhabe ekuthiwa yiUnited Free Church of Scotland yanikela ngemali eziponti eziyi5000 nomhlaba wokwakha izindlu zokufundela kwanomhlaba wokuhlohla izifundo zolimo.

Ibhunga elikhulu laseMthatha (Transkei Territories General Council) lanikela ngemali eziponti eziyi10 000.

Ngowe1915 uRhulumente woMdibaniso woMzantsi Afrika (Union of South Afrika) waxhasa ngemali eziponti ezingama600 ngonyaka, phantsi komgqaliselo wokuba oku uya kukwenza xa eli phulo liphuhla.

Kuthe ngowe1915 kwaqeshwa uGqr. Alexander Kerr ukuba abe yinqununu yokuqala. UGqirha Kerr wayenesidanga seyunivesithi yaseEdinburgh kwilizwe laseBritane. Wafika ehamba nenkosikazi uMary Robertson eyayinesidanga seyunivesithi yaseGlasgow kwaseBritane.

Kangangokukhuthala kukaGqr. Alexander Kerr wathiwa jize ngesidanga sembeko iLLD yiyunivesithi yoMzantsi Afrika ngowe1936.

Ngokwenjenjalo kuboniswa, esenzelwa nembeko ngomsebenzi wakhe kwimfundo yabaNtsundu kweli lizwe.

IRhodes University nayo yamthi jize ngesidanga seLLD ikwamhlonipha ngomsebenzi wakhe ngowe1961.

AmaXhosa wona amthiya igama lesiXhosa ekuthiwa nguManzemvula. Kwathi ngowe1915 kwaqeshwa uMhlohli wokuqala oNtsundu ogama linguMnu. D.D.T Jabavu, nowaqalisa ukusebenza yakuba le yunivesithi ivuliwe.

IYunivesithi Kholeji yaseFort Hare yavulwa ngokusesikweni ngoHloniphekileyo iNkulumbuso yeloMdibaniso woMzantsi Afrika uGeneral Louis Botha ngomhla wesi8 Februwari ngowe1916. UMnu. D.D.T. Jabavu wayesakuba ngumfundi waseLovedale naseMorija.

Ngeli xesha lokuqeshwa kwakhe wayesele enezi zidanga, wayefumene isidanga seHons B.A. kwisiNgesi awayesifumene kwiyunivesithi yaseLondon, phesheya kwelamaNgesi.

Esi sidanga wasipasa emagqabini ngamanqaku aphezulu ngowe1912, waze waba ngumntu wokuqala oNtsundu woMzantsi Afrika ukuzuza indwe yaseBritane.

Wayefumene iDiploma kwezeMfundo awayeyifumene kwiyunivesithi ekuthiwa yiBirmingham House ngowe1913; enesidanga semfundo eyunivesithi yaseTuskegee eMelika ; ekwanaso nesinye isidanga kwizifundo ngolimo.

Ngaloo minyaka yokuqala wasingathiswa ukufundisa iiMbali zezizwe, iintetho zabaNtsundu nesiLatini ukuya kuthi ga kumgangatho weMatriki, kodwa zithe zakuya zikhula izifundo engaphaya kweMatriki eKholejini wafundisa kuphela iiNtetho zabaNtsundu neSifundo ngoMntu phakathi koluNtu, waza kamva ngokuya zicazululwa izifundo wafundisa kuphela isiXhosa nesiZulu.

UProfesa ufundise iiNtetho zabaNtsundu isithuba esikwiminyaka engamashumi amabini anethoba. Iilwimi ezine kwezo lwimi wayezichuba ukuzazi oku.

Ulwazi lwakhe kwakunye nobungcali bamenza waba nakho ukubakhonza abantu bakowabo ngendlela ephuhlileyo. Unonophelo oluboniswa ngabafundi abaNtsundu kwiintetho zabaNtsundu lungabalelwa kwiimfundiso nomzekelo kaJabavu.

Kubaluleke ngakumbi ukuba uProfesa Jabavu ngalo lonke ixesha elide efundisa ngalo, lube lunye kuphela usuku awathi akabikho msebenzini ngalo ngenxa yokungaphili.

Abafundi bokuqala eFort Hare babengamashumi amabini, ingaba balandelayo ngokutsho kukaDr Alexander Kerr owayeyinqununu yokuqala kweli ziko: Bam, Lockington wakuTsolo kwelamaMpondomise eTranskei, Bolani, Abijah E.N. waseStanderton phesheya kweLigwa, Fowler, William waseDikeni eCiskei, Jafta, Adonijah C. wakuQumbu kwelamaMpondomise eTranskei, Mahlangeni, Felix waseGcuwa kwelamaMfengu eTranskei, Maliza, Ethebert waseMqhekezweni kubaThembu bakaDalindyebo eTranskei, Mamba, Lennox waseMthatha kwelaThembu eTranskei, Masiza, Hamilton M. waseFort Malan (eNtshatshongo) kumaMfengu kaBikitsha eTranskei, MacGillivray, Ian waseDikeni eCiskei, Mntyali, Titus waseImolweni eNatala kwelamaZulu, Modibeli, Lazarus B.L. waseButhe-Buthe eLusuthu, Monareng, Matthew waseVants Drift eNatala, Mopeli, Charles Witzieshoek eFreyistata kwelabeSuthu, Mopeli, Thabo R. waseMaseru kwelabeSuthu, Amotebgang, Ni Laura Peka (inina) laseLusuthu, Msimang, Lily (inina) laseDundee eNatala, Ndamase, Victor Poto waseMarhubeni kwelamaMpondo aseNyandeni eLibode, eTranskei, Ndamase, Pass waseMarubeni kwelamaMpondo aseNyandeni eLibode, eTranskei, Qotoyi, Vulingcobo waseNgcobo kwelamaQwathi eTranskei.