Amagama anxulumene nomlo weentonga

UmXhosa ukholelwa ekuthini ukuze umntu eve ayeke ukumosha nokugeza kufuneka akhe abethwe kanobom, akholelwa nasekuthini ukuze abantu bayeke ukudelana kufuneka khe bavane amandla babethane ngeentonga.

Kufuneka bakhe bavulwe badibane kumdlalo weentonga. Xa ethetha athi, ‘sakutya efileyo’. Namhlanje incinci kakhulu into endiza kuyibonisa, ndibonisa kuphela amagama ebesetyenziswa xa kudlalwa iintonga ngamakhwenkwe nabafana mandulo, ndiphinde ndibonise indlela ebechazwa ngayo umntu obethwe kakhulu ngentonga elulekwa.

Yiyo nale nto phambili phaya emaXhoseni kwakukho ingoma eyayithandwa ngamakhwenkwe amaqaba nawesigqobhoka eyayisithi, ‘Ntyentye, sanukuwanqanda, sanukuwanqanda wavule adibane, sakuva ngokunuk’ukub’umntan’ukakile!” Iphephandaba, ‘Imvo’ liwuchaza lithi umdlalo weentonga, “ awukho umdlalo owaye ubalasele njengomdlalo weentonga. Ngaphandle nje kokuba lo mdlalo waye uthandwa wawukwafundisa isimilo kumakhwenkwe lawo kuba aye esazi ukuba ngubani omdala. Amakhwenkwe ayesahlulana enezindlu zamabutho, kukho amakhwenkwe amadala, oompondo zihlanjiwe kunye namadyongo. La madala ayebaluleke ngemisebenzi yawo ezintongeni Okwesibini iintonga bezidlalwa xa kukho imitshato. Ngelinye ixesha amakhwenkwe athile ebelindela ukuba amakhwenkwe elali ethile amadala aye eRhawutini, ebefika kulo lali azoyise zonke iidyongo.

La makhwenkwe aseRhawutini ebesithi akuyiva loo nto athi xa ebuyile afune undikho. La ashiyekileyo amakhwenkwe ebechebana iinduma, kuphindwe konwatywe. Bekungekho mntu orhola imela kuloo milo, ibe yimvano yodwa elawulayo.”

Amagama anxulumene nomdlalo weentonga ngala: Ukunyamlela kukubetha umntu esihlahleni, okanye engqinibeni kule ngalo alwa ngayo. Injongo kukuwisa ingalo yakhe yokubetha angakwazi ukuqhubela phambili nomlo athi woyisiwe. Kuvumelekile ukunyamlela kumdlalo weentonga, kuba bubuchule indlela umntu afikelela ngayo esihlahleni ngasengqinibeni.

Umntu okwaziyo ukudlala intonga ufanele agade ayihlanganisele intonga ebethwa ngohlobo lokunyamlela.

Ukunqupha kukubetha umntu eminweni kule ngalo abetha ngayo, le aphethe ngayo intonga. Iinjongo kukumenza angaqhubekeki nomlo, iminwe ingakwazi kubamba.

Ukunqupha akuvumelekanga kumdlalo weentonga, kwenziwa xa abantu bexabene besilwa Ukunquphela kukuthi xa ulwayo umbethe apha eminweni lowo ulwa naye, le nto ke imgqiba amandla okubamba iintonga zakhe aze oyisakale; ukuntsila kukubetha iqulo eli ahlanganisa ngalo umntu olwa naye umqobe amandla kule ngalo ahlanganisa ngayo; ukupheqa, apha inkwenkwe, iyayityhiliza iyifulathelise yandule ukuyaleka ngomvumbo yona ijonge kwelinye icala; ukugoqa, ukuhlanganisa kwizithonga ezikhulu zentonga ezifuna ukukosela.

Amagwevu, kukukhupha intonga ngezantsi ufuna ukubetha umntu apha emasendeni nasemthondweni. Olu hlobo lokubetha lusetyenziswa kumlo wamanyhani. Uqule waligangatha, kukusebenzisa intonga yokuzikhusela ulungiselela umlo weentonga, isandla esi sibambe iqulo usibophe ngelatshana.

Ukubhesha, kukuhlanganisa ngengubo, njengoko mandulo abantu babenganxibi besambatha iingubo; ukuhlanganisa, kukuzikhusela ngentonga yokuhlanganisa usenzela ukuba umntu olwa naye angafiki enyameni.

Ukuvika, kukuhlanganisa ngokwelwimi zezinye izizwe zamaXhosa, umntu olwa naye abethe equlweni angafiki enyameni. Ukumela, likhefana eli kumdlalo weentonga. Kukulinda umntu owelwe yinduku okanye okhululekelwe liqulo aphinde ayithathe okanye alungise iqulo ungambethi engaxhobanga aze kukwazi naye ukuzilwela.

Amagama anxulumene nokubethisisa umntu abonisa ukuba amaXhosa ayoluleka ngentonga: akambethanga umfundise abantu; akambethanga umbonise abantu; akambethanga umkhombise umzi onotywala; umbethe wayazi into etyiwa ligqirha emva kwecango; umbethe walazi ikhaya ukuba likweliphi icala, umbethe wayazi indlela eya ekhaya, akambethanga umcolile, akambethanga umnkulile; akambethanga umsukile; akambethanga ebengathi udwaba icuba, akambethanga umbhale intloko yonke, ebengambethi ebemvuthulula; ebengambethi ebemsuka; ebengambethi ebemnkula; ebengambethi ebemkheth’iindawo; umbethe wavaleka umphefumlo; umbethe olungatsitywa ntwala; umbethe iimbambo zancazelana; umbethe walala ngendlu; umbethe wasisiqonga; umbethe wasisigogo; umbethe waqothola; umbethe wenyela idolo; umbethe wanomtha wedolo; umbethe waf’icala; umbethe wehl’imbola yamaxelegu; umbethe wabomvu; umbethe wabokoboko; umbethe waqhoboshek’imilenze; umbethe wawuxhoma umlenze; umbethe wajingxela; umbethe wayokuwa, umbethe wamjula phantsi; umbethe wamngqula; umbethele oogqirha nezicaka, umbethe walal’ikona umbethe wangqengqa engondlalelwanga; ubethwe wathwalwa ngezandla; umbethe wamngqula phantsi; ubethe wanqandelwa; umbethe kwalil’onina; umbethe kwakhala oonina; bethe kwalila oonozala, umbethe watya phantsi; umbethe wasimbela isinqe; umbethe wacela kwabaneentsente, umbethe waf’isiqaqa; umbethe wacela kule nto yabantwana; umbethe watsho esofelweyo; umbethe wawukhomba umzi onotywala; umbethe wanxanwa; umbethe wabazi abantu; umbethe weva ngathi uyabizwa; umbethe wasabela engabizwanga; umbethe waphel’ibhongo; umbethe waphelelwa ngamabhongo, umbethe wamatha; ubethe kwaphela ukundweba; umbethe wapenapena; umbethe wazikhotha amanxeba; umbethe waphola; umbethe zakhe zayosela; umbethe walahlekelwa ziipeni; umbethe wabal’iinkwenkwezi; umbethe wagalelwa amanzi; umbethe waphathwa yinkantsi emadolweni; umbethe kwahlwa emini; umbethe weva ngathi uyabizwa; umbethe weva ezinyaweni; mbethe wacela kooxhongo; umbethe wahlanza igazi ngomlomo, umbethe wathi dilika mhlaba ndingene; umbethe woma nko; umbethe wathi nyawo zam nothi nakhe nandenzela ntoni na; umbethe wathi bhuti enkwenkweni; umbethe kwaphela ukugeza; umbethe kwaphela ukundweba; umbethe kwaphela tu ukusa; umbethe woma nko; umbethe waswazeka; umbethe zakhe zemka; umbethe wambuna; umbethe azathi dadobawo; umbethe walala ngophothe; umbethe wasisiqonga; umbethe walala ngendlu, umbethe wadidizela; umbethe wayokuwa; umbethe wayobetheka ngenqentsu; umbethe wacel’uxolo; umbethe wanya; umbethe wazichamela; umbethe watsho isibhongo; umbethe walutywantsi; umbethe wazisonga; umbethele ibhokisi; umbethe wamcim’igama; umbethe watshaza; umbethe wamgqubagqubane; umbethe waxolisa; umbethe wagxwala; umbethe wakhala isibhokhwe; umbethe wagalelwa amanzi.