Amagama esiXhosa angamahamte

Kukho igama elisisiNgesi elithethwa ngamaXhosa ngokunga sisiXhosa, kanti ke mna nqikilitye andikeva sinjalo.

Kule mizamo yokulungisa izimilo zamadoda axhaphaza amabhinqa kukho ibinzana elisetyenziswayo ukuchaza lowo mkhuba elithi ‘udushe olusekelwe kwisini,’ elithathelwe esiNgesini esithi ‘gender based violence.’

Kwekhu! Liyandibhuqa ke elo binzana ngobuhamte balo, elibizwa nga ngumthamo omnandi ngabaninilo ngeli xa lijavujavu kwezam izivo.

Ndibangacinga ukuba inokuba luhlobo luni lodushe olo ndibuye nembandesikhova.

Kokwam ukuthabathisa eli gama lindinika ukuba olu dushe inokuba lwenzeka ngokuse kudibane abantu abazini zahlukileyo, ibhinqa nendoda.

Ndixakwe ke kuba aba babini bamele ukuba babe ndawonye kakade. Udushe olu luba lolusekelwe kwisini njani ke kuba indoda nebhinqa bamele kuba ndawonye?

Andinawo nje tu umfanekisongqondweni, apho athi umntu akubona owasini simbi abe ndlongondlongo; andiqondi ukuba ikhona kwaukubakho into enjalo.

Akekho umntu othi akudibana nowesinye isini kudaleke udushe. Le ke yinto endiba ithethwa leli gama lithi ‘udushe olusekelwe kwisini,’ ndabe andiyifumani ikho into enjalo kokwam ukuthabathisa.

Into ebimele kuthethwa yile ndicinga ukuba kusingiswe kuyo ngeli hamte legama elisisiNgesi esithethwa ngesiXhosa, le ke ithi ‘ukuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda,’ nale ithi ‘ukuxhatshazwa kwamadoda ngamabhinqa.

Akukho nto yimbi ithethwa leli gama ingekuko ukuthetha ngokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda namadoda ngamabhinqa.

Kungani na ke silandela igama lesiNgesi elingathethi nto kuthi kubeni sinako ukuthetha kwaloo nto inye ngendlela evakala lula kuthi?

Abantu basoloko bexunele ukuguqulela amagama ngaphezu kwentsingiselo.

Elinye ihamte legama elikwafana neli lelo lithi ‘udushe lwasekhaya,’ abathi ‘domestic violence’ ngesiNgesi.

Ikhaya ndinalo, ndikhulele kulo, kungokunje ndime ikhaya; andizange ndalubona udushe ekuthiwa lolwasekhaya. Ikhaya asindawo yodushe yindawo yoxolo.

Lelinjani ikhaya elinodushe ekuthiwa lolwasekhaya?

Udushe lwasekhaya endinofane ndicinge ngalo kuxa kungavisiswana likhaya ngokubanzi, kuthi xa lihlangene ligwexane lihlisane lisonyusana, kohlukwane kungekho nto ilungileyo kungekho naxolo. Akukho lumbi ndinokucinga ngalo.

Into ke ebimelwe kukuthethwa yileyo ndicinga ukuba kusingiswe kuyo ligama lesiNgesi elithethwa ngesiXhosa ngamaXhosa, kuthiwe ‘udushe lwasekhaya,’ kukuchaza iintlobo zokuxhaphazana kwamalungu osapho, kuba ke zinamagama.

Oko kuxhaphaza isengaba kukubethwa kwendoda ngumfazi, ukubethwa komzali ngumntwana, njalo njalo.

Kokwam ukuqonda ayikho into eludushe lwasekhaya (ngaphandle kwaleyo sele ndizekelise ngayo), asikwazi ke ukusuka sithethe ngento engekhoyo ngokunga ikho.

Umntu makachaze ncakasana nangokucacileyo ukuba yintoni na kanye kanye leyo nto athetha ngayo, angashiyeki ebuza ngokunga undlebe zisithulu lowo umameleyo.

Nqwa negama elithi ‘ukuxhatshazwa ngokwesondo,’ ekuthiwa ‘sexual abuse’ ngesiNgesi. Qho lisetyenziswa eli gama ndishiyeka ndizibuza ukuba inokuba yintoni na kanye eyenzekileyo.

Igama elithi ‘ukuxhaphaza ngokwesondo’ laziwa kuphela ngabantu abazi isiNgesi, kuba nalo ligama lesiNgesi, elithethwa ngesiXhosa ngokunga lisisiXhosa, njengamanye ke esele ndiwabalule.

Andinawo nomfanekisongqondweni womntu oxhaphaza omnye ngokwesondo; andinalo nofifi lokuba inokuba yinto enjani na leyo. Lixhatshazwa njani isondo?

Umntu ngethetha le nto yenzekileyo, umntu atsho ukuba kuzunyiwe okanye kubhantsiwe okanye uvunyiswe ngenkani ngokujijisa, nezinye ke izinto ezinjalo.

Ayike icace nangolunye usuku intetha ethi ‘uzibaningeshe ubanjelwe ukuxhaphaza ngokwesondo uzibani.’

Ngake nizamane nolwimi isiXhosa maXhosa, nincede nathi bathandi bolu lwimi bengalwazi. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.