Ebevuth’
amadangatye ebila ngumsindo amagcisa aseBhayi ngethuba ebezibika, evakalisa ukungoneliseki kwawo, ukulaxazwa
nokungakhathalelwa ngamasebe enkcubeko nobugcisa kumasebe aphantsi korhulumente
wephondo laseMpuma Koloni nelikamasipala waseNelson Mandela.
La
malungu bebandakanya umdlali weefilimu
zikamabonakude uNomhle Nkonyeni, umqambi
nomvelisi womculo uSizwe Zako bekunye nolutsha,
bebezimase intlanganiso yokusungula ingxowa
–mali yokusekela abantu abatsha abangamagcisa ebizwa ngokuba yiDebt Fund nebibanjelwe kwiholo yoluntu
iNangoza Jebe kwilokishi yaseNew Brighton izolo.
Lo
msitho ububizwe lisebe lobugcisa nenkcubeko kurhulumente wesizwe, ubuzinyaswe ngumphathiswa weli sebe uNathi
Mthethwa namagosa esebe lakhe, ekhatshwa
ngawephondo nawakamasipala wale ndawo.
“Sibuhlungu,
sophela ngaphakathi, singabanye siyahamba silishiye eli Bhayi siyokufuna
amarhiwu aluhlaza koomaRhawuti kuba asikhathalelwanga kwelokuzalwa, nalapho
sifika sihlukunyezwe, abanye bethu
balala ezitalatweni ngenxa yoko. Ezi zezinye zeentetho ebezivakala kule
ntlanganiso.
Amanye
ala malungu angamagqala kweli candelo akhalazelwe ukubekelwa ecaleni nokucinywa
kwamagama awo ezincwadini ekubeni bedlale indima enkulu besakha ulutsha
kwezobugcisa.
“Sidiniwe
zizithembiso, kutheni iOpera House yethu ingajikwa ibe yindawo yokudlalela
ifane neBaxter, Windybrow neMarket Theatre, inkulu, inembali, iyasetyenziswa,
mphathiswa sicela ukuba ufake imali eOpera House ngoku,” utshilo uZukiswa
Cakucaku ongumdlali weqonga.
UMthethwa
uchazele inginginya yamagcisa abelapho esithi, wonke umntu omtsha usebenza ngecandelo
lobugcisa wamkelekile kule ngxowa –
bangafaka izicelo.
“Size
apha ngabom kuba siyazi ukuba iBhayi linemiceli-mngeni emininzi kwezobugcisa
nenkcubeko, sizakubuya nosekela-mphathiswa
sizokuhlalela imbizo, sive nangakumbi
neengcebiso nangeminye imiba, sizakuphanda nangezikhalazo zenu,” uqukumbele
ngelitshoyo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile