Ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga yoMdumba, umbutho weZizwe eziManyeneyo uthi makunikwe imbeko iilwimi zokuzalwa zethu.
Oku kuchukumise umdla wam kumagxibha okuqala ukusebenza njengoonondaba ababebhala ngoLwimi lwesiXhosa. Iphephandaba lokuqala ukubhalwa ngolwimi lwesiXhosa, liphephandaba uMshumayeli Weendaba ngonyaka ka1837, alizange lithathe xesha lide lisebenza layeka. Maninzi alandele emva kwalo aquka Ikwezi ngo1845, Isithunywa Senyanga ngo1850, Iindaba ngonyaka ka1862 namanye ke.
La maphephandaba aqhubeke evelisa iindaba ukusukela ngo1837 elawulwa ngeendlela ezathi zakhubaza umdla wabo babengababhali kula maphephandaba.
Ewonke asibhozo amaphephandaba esiXhosa asungulwe phakathi konyaka ka1837 nonyaka ka1938, okona kothusayo lixeshana elincinci ebeliphilwa ngala maphephandaba. Ungathi bekungenxa yokuba bebembalwa abantu abanolwazi abafundileyo abebenokuthenga amaphepha, okanye ke zezinye iingxaki.
Okona kutsale umdla kuko konke oku kukuva ukuba abanye boonondaba bala maphephandaba bebeyekiswa kukungenelela kwabaphathi okanye iinkampani ezazineentsinga zemali.
Ubawo uTengo Jabavu ungumzekelo woku ngethuba esebenza kwiphephandaba Isigidimi samaXhosa, imbali ithi naye lukhe lamfumana olugonyamelo.
Eyona ngxaki ibiphambili ibikukuba ababhali bebenyanzelwa ukuba babhale ngeelwimi ezimbini amaxesha amaninzi isiXhosa nesiNgesi, okanye kuthwe mababhale ngemicimbi yeenkonzo kuphela bangayichaphazeli imicimbi yezopolitiko. Ingxelo ithi uninzi lwaba nondaba bebekuthanda ukubhala ngemicimbi yezopolitiko.
Xa uMbutho weZizwe eziManyeneyo usithi makuhlonitshwe iilwimi zokuzalwa kwethu, inene kumele ukuba sithi halala! kula magorha okubhalwa kweendaba ngesiXhosa. Abo ngooMfundisi uTiyo Soga, ooTengo Jabavu, Zaze Soga, Noyi Makhaphela Balfour, William Gqoba, ooJohn Knox Bhokhwe nabanye.
Nabo singakwazanga ukufika kumagama abo, egameni labantwana abafunda, abathetha nabathanda ulwimi lwesiXhosa, sithi kuloo magorha oonondaba huntshu! kubo ngomsebenzi wabo.
Tyhini! ndingathini ukulibala ababhali abasaphilayo abebebhala kwiphephandaba Imvo Zabantsundu abaquka uThembela Ndlumbini, uMamkeli Ngam nabanye abaninzi. Ligalelo labo elenze ukuba kube kusekho amaphephandaba abhalwe ngolwimi lwesiXhosa, kwaye kuseza kubakho amaninzi akwanjalo.
UMbutho weZizwe eziManyeneyo (UN) uthi mazingathethwa nje zinikwe imbeko kuphela iilwimi zenkobe, kodwa mazibe nenxaxheba ekuphuhlisweni koluntu nentlalo.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma