Amagosa aphezulu karhulumente axhaphaza abasebenzi abatsha

INkulumbuso uPhumulo Masualle ethetha eSteve Biko eGinsberg eQonce UMFANEKISO: UTHUNYELWE

AGXEKWE kabukhali amagosa aphezulu kurhulumente waseMpuma Koloni ngokusebenzisa abasebenzi abasebatsha kwanabo basafunda umsebenzi ekwenzeni ubuqhetseba nobuqhophololo.

Umtshutshisi wombuso ophezulu kwiGunya-bantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni uAdvocate Thenjwa Sellem uthi baqaphele ukuba amagosa aphezulu karhulumente, aquka abalawuli, aye athabathe ikhefu xa ezakwenza ubuqhetseba.

“Xa sele bethabathe ikhefu baye banxulumane nabo bantu beenkampani zangaphandle benza nabo ubuqhetseba. Emva koko ubone amagosa aloo nkampani esiya kwi-ofisi leyo yesebe afike afune eli gosa likwikhefu.

“Umntu oshiywe kwi-ofisi yeli gosa ukuba athabathe imiyalezo uye afowunele igosa elo likwikhefu. Ngenxa yokuba eli gosa sele liyigqibile yonke le nto yobuqhetseba, liye liyalele ukuba makutyikitywe ngoku lingekhoyo emsebenzini.

“Into ebuhlungu kuyo yonke le nto kukuba yenzeka kubantu abafunda umsebenzi okanye abasebatsha emsebenzini futhi xa kufuneka kubanjwe umntu umrhanelwa wokuqala ngulo utyikitye amaxwebhu obuqhetseba,” utshilo uSellem, esithi wondele lo mbandela eMpuma Koloni.

USellem ebethetha eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce kwiveki ephelileyo apho urhulumente wephondo ebeqaphela usuku lehlabathi lokuchasana nobuqhophololo (International Anti-Corruption Day).

Lo msitho ubukwazinyaswe yiNkulumbuso uPhumulo Masualle, abanye babaphiswa bakhe, iintloko zamasebe aseMpuma Koloni, uMkomishinala wamapolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga, kwaneenkokeli zamacandelo athwaliswe uxanduva lokuthintela nokuphanda ubuqhophololo.

Ibutho lophando elikhethekileyo (SIU) lidize ukuba imali ekwizigidi ezingamashumi amahlanu anesibini (R52 million), nebibhunyulwe kubuqhophololo nobuqhetseba eMpuma Koloni, ibuyele kwinxili yephondo emva koncedo leSIU.

Eli butho likwadize ukuba likwaphanda izigidi ngezigidi zeerandi kubuqhetseba nobuqhophololo kumasipala waseAmahlathi (R107.4 million), kwisebe lophuhliso loluntu ephondweni (R114 million) nakumasipala iAlfred Nzo (R129 million).

Ezinye zezinto ezenziwa ngamagosa karhulumente xa esenza ubuqhetseba nobuqhophololo ziquka ezi:

-Ukufumana imbuyekezo yemali ngokukhupha ithenda.

-Ukutshintsha amaxwebhu ethenda ngeenjongo zokubhunyula imali.

-Ukutshintsha igama lomntu ophumelele ithenda, ufake omthandayo

-Ukutshintsha iinkcukacha zebhanki zenkampani yangaphandle ufake ezakho.