Amagosa aseBCM adlala ‘undize’ nenkosikazi esengxakini

UNomvula Mqikela ekhomba apho kugqabhuke khona umbhobho wamanzi wendlu yangasese kwakhe

AMAGOSA kamasipala waseBuffalo City ayanyhilana, ingulo esala ukuthatha uxanduva, ekulungiseni umbhobho wamanzi okwahambisa ilindle ogqabhukileyo kusapho lakwaMqikela kwa-Q 73 eN.U. 16 eMdantsane.

Lo mbhobho ugqabhuke kwinyanga ephelileyo kwaye ubeka esichengeni ubomi bolu sapho ngenxa yevumba eliphuma kulo monakalo.

UNomvula Mqikela uthi lo mbhobho, usecaleni kwendlu yakhe, uqale ukuvuza ekuqaleni kwenyanga yeNkanga.

“Emva kokuba ndibona ukuba ugqabhukile, ndahamba ndayokubika kwamasipala, kwahlaleka ithuba engade afike amagosa. Ndabona ukuba mandiphinde ndiyokuyibika le ngxaki, ngenene afika amagosa kamasipala ecandelo logutyulo-lindle. La magosa ajonga nje emva koko athi lo ngumsebenzi wamagosa ezamanzi kwakulo masipala.

“Ndabona ukuba mandiyokubika le ngxaki kumagosa ecandelo lezamanzi. Emva kokuba efikile amagosa ezamanzi, andixelela ukuba asiloxanduva labo olu, endaweni yoko lelogutyulo-lindle. Emva koko ndiye ndabona ukuba mandiphinde ndiye kwamasipala ndiyokubika le ngxaki inye. Amagosa ezamanzi eza kwakhona aphinda athi asiyongxaki yabo le.

“Ndiphinde ndaya kwamasipala, kweza amagosa ogutyulo-lindle, kodwa kwakhona baphinda bandixelela ukuba asiyongxaki yabo le. Mna ndixakiwe ngoku ngulo ndize udlalwa ngala magosa,” itshilo le nkosikazi.

UMqikela uthi olugqabhuko lalo mbhobho lubeka impilo yolu sapho emngciphekweni wezifo.

Ephefumla malunga noku, uceba wale ndawo uNtombizodwa Gamnca uthe unolwazi malunga nale ngxaki. “Okwangoku (ngoLwesibini) ndisesekhefini, kodwa ndiza kuyiqwalasela le ngxaki yalo mama. Ndiza kufowunela amagosa ndive ukuba kutheni ingade ilungiswe ingxaki yalo mama,” utshilo uGamnca.