Amagosa ePalamente ahlazwe ngabahlali

KUNYANZELEKE ukuba imiswe indibano yovavanyo-zimvo zoluntu malunga nomthetho oyilwayo wokusetyenziswa kweelwimi eMpuma Koloni, emva kokuba amagosa ePalamente yephondo engqinile ukuba asilele ekucwangciseni le ndibano ebihlelelwe ukubanjelwa eCambridge eMonti.

Le veki ibibekelwe bucala yikomiti yesebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko kwiNdlu yoWiso-Mthetho eBhisho ukuba kumanyelwe izimvo zoluntu malunga nomthetho oyilwayo wokusetyenziswa kweelwimi zephondo (Eastern Cape Use of Official Languages Bill).

Uthe nje emva kokuba olilungu lePalamente eBhisho, uThando Ngcolomba, evule indibano ebizakubanjelwa kwiholo yaseCambridge, uMlawu Tyatyeka ongumanejala weBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (Pan South African Language Board) eMpuma Koloni wabuza ngelona lwimi ezakuqhutywa ngalo indibano.

“Ndiyiveze ngabom lo nto kuba uvele wakhumsha eqala nje indibano lo mntu (Ngcolomba). Ebengajonganga nokuba ngobani abakhoyo, ethetha isiNgesi. Xa kunjalo ke, uphi umtoliki wolwimi?” kubuza uTyatyeka.

UTyatyeka ukwabuze ukuba uphi umntu othetha ngezandla kule ndibano, ukunceda abo bangaviyo.

Akukhange kuphelele apho, omnye umntu ubuze ukuba ngobani abamenyiweyo kule ndibano ebizinyaswe ngabantu abalelwa kumashumi amabini anesibhozo (28).

Emva kokuva le nkxalabo, uNgcolomba uye wamisa indibano esithi uyokugqugula noogxa bakhe. Ekubuyweni kwabo, lo kaNgcolomba uye wacela ukuba imiswe indibano watsho exolisa kubahlali.

“Siyavuma ukuba asikhange sicwangcise kakuhle. Kwindibano ezayo sakuqinisekisa ukuba izimemo zikhutshwa kwangethuba, futhi bonke abantu abachaphazelekileyo bayamenywa. Nomba womntu othetha ngezandla ukwenzela abo bangaviyo, sika kuwakhela umkhanyo. Siza kuwuthathela ingqalelo nomba wolwimi olusetyenziswayo,” utshilo uNgcolomba.

UTyatyeka uthi iye yamxhalabisa into yokuba kungabikho iinkosi kule ndibano. “Bebegqithisa itakane nje kunina apha, yiyo le nto sibone ukuba masibapheke ngemibuzo,” utshilo uTyatyeka.

Umhla eyakuphinde ibanjwe ngawo indibano yaseMonti uyakubuya waziswe, utshilo uNgcolomba.

Lo mthetho, xa sele uphunyeziwe, uzakunika uxanduva iphondo leMpuma Koloni ukuba lijonge indlela ezisetyenziswa ngayo iilwimi zeli phondo. Ezilwimi sisiXhosa, isiSotho, isiNgesi nesiBhulu.

Eyona njongo yalo mthetho kukuvula umtyhi wokumiselwa kwecandelo lezelwimi ephondweni (Provincial Language Unit) ezakubangela ukuba amasebe namaqumrhu karhulumente kweli phondo azeke mzekweni amilisele amacandelo eelwimi.