Amagqabantshintshi entetho kaDavid van Rooyen eBhayi

Amanqaku kwintetho yoMphathiswa kaRhulumente weNtsebenziswano kunye neMicimbi yezeMveli, uDes van Rooyen, eBhayi:

* Sisebenzisana noSALGA kumalungiselelo okuxhobisa ooceba, sicwangcisa ngokutsha umqulu wooceba kwinkqubo esiyihambayo, yokuqinisekisa iziseko.

* Ngokomgaqonkqubo wethu sifuna ukuqinisa oomasipala bezithili ngokuthi senze iinguqu zokubaphucula njengoomasipala abambaxa.

* Sinika inkxaso koomasipala abatsala nzima abafana nomasipala ombaxa weNelson Mandela Bay, noweBuffalo City, iMakana, iMogalakwena kwakunye neOudtshoorn.

* Sibonile ukuba kukho oomasipala abangaqhubi kakuhle, kangangokuba abanazo neekomiti zeeWadi.

* Enye into exhalabisayo kukuba bambalwa oomasipala abenza iinkqubo zeIDP ngokweemfuno zoluntu kwiindawo abahlala kuzo.

* Nezinto ezisisiseko ziyaguga kwabanye oomasipala kuwo onke amaphondo, nto leyo ingumceli mngeni ekuhanjisweni kweenkonzo. Oku kubangelwa kukunqongophala kwezakhono ezijongene neziseko koomasipala, kukho oomasipala abadinga uncedo xa becwangcisa iziniki maxabiso namakhonkco emfuno zaba masipala.

* Kukwakho nomceli mngeni wokuphathwa kakuhle kwemali obangelwa zizinto ezithile, ezifana nokubhatala amatyala oomasipala kuEskom, nokuqokelela imali oomasipala abayityalwa ngabahlali, kwakunye namasebe karhulumente.

* Kukho nomokhuba wabantu abangaqhelanga kubhatalela iinkonzo zoomasipala, abanye bahlawula amatyala abo afana naweDSTV endaweni yeenkonzo zoomasipala.

* Isigaba esilandelayo sokugxila kwiziseko zizakuqwalasela iingxaki zomasipala ngamnye.

* Njengoko sijonge kunyulo loorhulumente boomasipala, oomasipala bethu bazakuncipha ngabalishumi elinethoba, emva kokuba abanye bethe badityaniswa kwabanye.