Amagqabantshintshi ngokubikwe ngamapolisa kule mpelaveki

BAZAKUVELA
kwinkundla kamantyi kuGatyana ngomso abarhanelwa abathathu abajongene
nezityholo zokoxutha imoto emva kokuxhomisa umniniyo. Esi sithathu siminyaka
ibalelwa kumashumi amabini anesibini ukuya kumashumi amathathu anesithathu sibanjwe
kwilali iNgadla kuGatyana izolo. 

Imoto exuthwe kwindoda anamashumi amathathu
anethoba eminyaka iye yafunyanwa ngamapolisa ala dolophu.   

KwakuGatyana
uzakuvela enkundleni ngomso owasetyhini ejongene nezityholo zokubulala indoda ene-31
yeminyaka ubudala. Umfi ubulewe kwilali iNgxutyana, emva kokuhlatywa ngemela
kumzimba ongasentla ngumrhanelwa one-58 yeminyaka ubudala. Esi sibini kubikwa ukuba besibangisana ngemali, de lo wasetyhini wakhupha imela wayihlaba yabhubha le ndoda kwakwindawo ebiqale kuyo ingxabano. Umrhanelwa ubanjwe
phezolo, amapolisa afumene nemela esetyenziswe kwelisikizi.

Kutshayiswe
kwasweleka indoda eqikelelwa kumashumi amane eminyaka, kuhola wendlela uN2,
ngaseNdabakazi eGcuwa. Umfi ubewela indlela ngethuba etshayiswa, kwaye
uswelekele kwindawo atshayiselwe kuyo. Amapolisa avule ityala lokubulala
ngokungena-njongo, kwaye asaphanda.

Ukanti ingozi phakathi kwezithuthi ezimbini ezitshayisene
kuhola wendlela uN2 eDutywa ishiye umntu omnye ebhubhile, isithathu ekukho
nomntwana phakathi kwaso sabalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa. Le ngozi yehle
ngenjikalanga yayizolo, esinye sezithuthi besivela ngaseGcuwa, ngelixa esinye
sisuka kwicala laseDutywa. Umqhubi wesinye sezozithuthi uswelekele kwalapho
kwindawo yengozi. Unobangela wale ngozi awukaziwa, amapolisa asaphanda.