Amagqirha anyevulela ukusetyenziswa kwamalungu omzimba

Amagqirha ebebambe isemina eKidds Beach ngempelaveki Umfanekiso: Uthunyelwe

“Ngoku esikunqwenelayo kukuba urhulumente aqinise kwingalo yomthetho xa kugwetywa abo bazenza amagqirha besebenzise namalungu omzimba ngelithi bayanyanga,” utshilo oyingqonyela kumbutho wamagqirha i-Ithongo Institute uLulama Mpahla nowaziwa ngelikaMphilisi, ngethuba lo mbutho ububambe indibano (semina) yezemveli kwakunye namanye amagqirha aphuma kwimibutho eyahlukeneyo.

Le semina ibibanjelwe eKidds Beach eMonti kutshanje. UMpahla uthi ibeliqela imiceli-mngeni abayichaphazeleyo ejongene nabo ebugqirheni efana naleyo yokusoloko bengcoliswa.

“Sijongene nemiceli mngeni emininzi ebugqirheni kweli xesha sele siphila kulo. Siqwalasele indlela yokuziphatha kubantu abathi bangabanyangi besiNtu. Owona mcimbi sithe sawuqwalasela ngokumandla kunyango lwesiNtu ngumba osele ungundaba- mlonyeni wokonyeliswa kwamagqirha, mcimbi lowo wokusetyenziswa kwamalungu ngabantu abathi ngabanyangi,” utsho uMpahla.

“Sithi lo nto ayihlangenanga nonyango lwesiNtu, akukho nyango lwesiNtu luquka ukuba umntu makaphiliswe ngelungu elithile lomzimba. Oko yintwalo, ngundlela mnyama wabantu abafuna ubutyebi obukhawulezileyo kwanentakatho, akunanto yakwenza nonyango lwesiNtu. Sicela inkxaso ekubeni urhulumente aqinise ingalo yomthetho, enze umzekelo abonise ukuba hayi awesiNtu amagqirha akulo nto.

Kwisemina le bekukho namagqirha aphuma kuMzantsi Afrika uphela kukho nelo beliphuma eZimbabwe. Ezinye zezithethi kwi semina beziphuma kumbutho we-Intando yabaphantsi kwakunye ne-Izanuse zezwelethu ephuma kweli phondo leMpuma Koloni.

Oyingcaphephe kwezakwaNtu uPhuthumile Cebo Fuyani, nobeyinxalenye nale ngxoxo yamagqirha uthi,v sele engcoliswa nje amagqirha kulihlobo athi aziphathe ngalo nawo kuba kule mihla sele enyolukele imali ngaphezulu kokuba anyange umntu.

UFuyani uthi ukuba kungahlala kubanjwa iindibano ezilolu hlobo ngamagqirha angakhana kwaye akwazi nokwabelana ngokufanelekileyo. Uthi elinye nelinye igqirha lakufunda nto litsho likwazi okulungileyo nokungalunganga.