Amagqirha: Ingaba konakele phi kuthi magqirha?

Amagqirha ephondo ngethuba esiza nomkhomba ndlela onokuthi unqade ukugxekwa kwawo umfanekiso: Abongile Ginya

Konakel’ephi magqirha? Lo ibe ngumbuzo amagqirha azibuze wona ngethuba i-Ithongo Institute ibambe intlanganiso yayo ebiqhuba okwesine kulo unyaka kwifama eKwelerha (Empolweni Farm) ngempela veki egqithileyo.

Amagirha athi nawo ayawubona undonakele okhoyo nobangelwa ngamanye amagqirha angengowe nyani, Amagrirha axoxe imini yonke ezama ukuza nezona zisombululo ezinokuthi zisuse ibala elibi emagqirheni.

Umsunguli we-Ithongo Institute, uLulama Mpahla, nowaziwa ngelikaMphilisi ebugqirheni uthi unobangela wayo yonke le nto lungenelelo lwenkcubeko yaseNtshona kwimveli yabantu abamnyama elandelwa nakukunyolukela imali.

“Ukulahla imveli yethu ibe ngoyena nobangela osenza sibe kule meko sikuyo. Uyakuqwalsela ukuba sekugcwele abantu abathi bayathwasa kwilizwe lonke, bangamagqirha yabangela ubuqhophololo. Kaloku xa ungelilo igqirha lokwenyani uyabagqwagqwa abantu abaze kuwe. Silahle undalashe; uhlobo ebesikade sisenza ngalo. Ngaphambili umntu ebehamba ayokuthwasa athwasiswe ligqirha eliza kumnyanga ade abeselungelweni lokuphuma xa kuqinisekiwe ukuba umcimbi uwazi nkcakasana,” utshilo uMpahla.

Uthi okubangelwa koku kukuba abantu abathi bayathwasisa kule mihla abanawo amava okuthwasisa. Ngabantu ova sele besithi ngamagqirha.

Uthi okunye okubangelwa bagxekwe kukuba umntu ungena namhlanje ephehlweni kwiveki ezayo abe sele egoduswa kusithiwa uligqirha eligqityiweyo.

Omnye umba aye agxekwe ngawo amagqirha amadala ngumkhwa wokulala nabakhwetha bawo. uthi oku bakuqwalasele kwaye bayakulwa.

“Abanye kuthiwe kubo, ukuze umthi uyasebenza funeka ufakwe ngaphantsi kwilungu langasese. Lo nto ayikho kwaye sokuze ibekho.”

UMkhulu Mpho, obesisithethi esiphambili entlanganisweni yamagqirha ekhatshwe ngunkosikazi wakhe uGogo Keagile Kamo (abaziwa kakhulu ngokuthetha ngobugqirha kwinqkubo ethi uMphakathi kwiDStv 157), bebe yinxalenye yengxoxo.

Umkhulu uMpho uthe zezinye zeenzame abaphezulu kwazo ezo zokulwa ukungcoliswa kwamagqirha. Ukwathe nalawo amagqirha enza izenzo ezigwenxa ezinje ngokulala abakhwetha (amagqirha asemancinane) baya khuza.

UMpho uthe bazibiza ngokuba ngamagqirha babe besenza okubi baza kuqinisekisa ukuba baya valelwa. UGogo Kamo ukhumbuze amagqirha ngendlela yokuziphatha xa esenza izinto ezifana nokuphahla. Ugxininise intobeko njengeyona nto emsondeza kwizinyanya zakhe umntu.

Okunye okuvelwe entlanganisweni lifuthe lamakhasi onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.

Amagqirha athe omnye umntu uthi enyangwa ngendela elungileyo kubekhona esi sikolo sifakwayo ngabantu abacinga ukuba bayazi babe bengazi.

Yinto leyo ethi iguqule imfundiso yobugqirha elungileyo.