Amagqirha kumba kaCecil oyingonyama

Kutshanje ibi sisankxwe indaba yomlungu ekuthiwa uzingele wabulala ingonyama ngokungekho mthethweni.

Le ngonyama negama layo lingu Cecil ibihlala kwikhaya lolondolozo zilwanyana kwaBulawayo kwelikaMzilikazi eZimbabwe.

Le ndaba ivuselele eyona ngxongxo mpikwiswano inkulu phakathi kwabantu malunga nokuphathwa gadalala kwezilwanyana. Yilonto kule veki sibona kubalulekile ukuba sikhe sijonge, ukuba ingaba indima yokuxhatshazwa kwezilwanyana ihamba iphelele phi na?

Kwaye kuthi mz’ ontsundu nesizwe siphela, ingaba kumasiko esiwenzayo wokuxhela iibhokwe neenkomo sindawoni? Futhi abangawenziyo lamasiko basibona sindawoni thina bathabatha inxaxheba kuwo.

Umbutho ojongene nokuxhatshazwa kwezilwnayana iSociety for the Prevention of Cruelty on Animals (SPCA) inemiqathango engqiqo eyibekayo ngomakwenziwe xa kuxhelwa izilwanyana. Kubuhlungu nje ukwazisa ukuba le miqathango ibekiweyo kuthi magqirha ayihambelani nendlela esenza ngayo imisebenzi yethu, kwaye sikholelwa ukuba ijongela phantsi amasiko ethu.

Kutshanje eTinarha iGqirha UGogo uNomasundu Galloway nongomnye weenkokheli zombutho Ithongo Institute of Traditional Healing uye wagagana neembila zithutha xenikweni amagosa akwaSPCA efike endaweni asebenzela kuyo emveni kokuba entanywe ngabamelwane bakhe ukuba uxhela iinkukhu ngokungekho mthethweni kwimisebenzi yakhe yobugqirha.

La magosa aye amxina ngemibuzo futhi amxelela ukuba akanakho ukuxhela iinkukhu kwindawo engalungiselelwanga oko kwaye futhi kwakulondawo elungiselwe oko, iinkukhu kumele zidodobaliswe ingqondo phambi kokuba zixhelwe. Oku kuvuse umnyele kubathandi besiNtu nakwimibutho eliqela yamagqirha. Kuba xa kungoku le miqathango ichasene neendlela thina bantu bantsundu esixhela ngayo izilwanyana, esizisebenzisa kwimisebenzi yesiNtu.

Siyakukhumbula ukuba kumsebenzi ngamnye esiwenzayo kufuneka kuphume isikhalo sesilwanyana eso ukuze siqinisekise ukwamkelwa nokuvunywa komsebenzi lowo ngamanyange. U-SPCA yena ukhuthaza ukuba isilwanyana sixhelwe ngendlela ekhawulezileyo engazokusivisa zintlungu kwaye isikhalo ngokokwabo sibonakalisa ukugcuma zintlungu kwisilwanyana eso sixhelwayo.

Iindaba ezimbi zezokuba oku kuthethwa ngu-SPCA kude kwaba kanti kungumthetho oshicilelwe phantsi futhi onokuthi awutyeshele angazibona sele ethothoza kwezimnyama izisele. Lo mthetho ubizwa ukuba yi-Animal Protection Act No 71 yomnyaka ka1962.Sinagamagqirha sikholelwa ekubeni imithetho efana nale ijongela phantsi imvelaphi yethu singabantu abantsundu kwaye ikwakhuthaza futhi ixhasa indlela yaseNtshona.

Kuba umthetho lo ukhathalele abalengu kuphela kwakunye nabo bathi bangamatsha-ntliziyo ajonegene nokuxhatshwazwa kwezilwanyana. Kancinci kancinci amasiko ethu aya enyhashwa, into ebuhlungu kukuba uninzi lwabantu kwakunye neenkokheli zezopolitiko azikuseli so oku.

Kunzima mpela futhi kwabo bahlala kwiindawo ezazifudula izeza belungu kuba bona bavaleleke mba abakwazi ukwenza iizinto zesintu ngexa yemithetho enqanda lomisebenzi injalo.

Ingxaki ke isekubeni nangona le mithetho isala kuthi bantu bantsundu ukusebenzisa indlela zethu zokuxhela izilwanyana kwabamhlophe inomnyinyiva omkhulu. Umzekelo iyabavumela ukuba bagcine izilwanyana zasendle babuye futhi bazizingelise ngabantu abasuka kumazwe angaphandle bekwenza oku ngokubiza abo bokufika imali etshisiweyo.

Kulusizi ukubona ukuba oluhlobo lokuxhaphaza izilwanyana lubonwa njengolona lwamkelekileyo kuba lungenisa imali kwaye lukhathaza utyelelo lwabantu kweli lomdibaniso. Okokuqala ezi zilwanyana zivalelwa kwindawo apho zingakwaziyo ukukhululeka njengasendle ibuye futhi yenziwe umbukiso yonke lento yokuzingela aze lowo uthe wadubula wabulala isilwanyana afumane iwonga.

Singamagqirha sizakuyiqhankqalazela lenyewe kwaye sizakwenza konke okusemandleni ethu ukuqinisekisa ukuba umthetho i-Animal Protection Act 71 ka1962 uyahlaziywa kuba wenziwa ngexesha localucalulo kwaye ukhusela igcuntwsana labamhlophe nabo bapokotho zifumileyo kwaye uyayigatya indlela abantu abantsundu abenza ngayo amasiko wabo.

Sicinga ukuba imigushuzo le iyakusinceda ukubonisa ukungaxoli kwethu kulemeko yokujongelwa phantsi kwesiNtu sethu. Nangona nje singamagqirha sivumelana ukuba kulamaxesha siphila kuwo iizinto ezininzi ziyaguquka, kodwa ke apha ekuguqukeni kwazo akutsho ukuba masilahle amasiko nezithethe zethu. Kwaye asinakuze sibekwe ityala ngemithetho eyenziwa ngexesha localucalulo futhi engamelanga iimfuno zethu thina sizwe esintsdundu.

Kungako ke kubalulekile ukuba kubekho ingxoxo mpikiswano kulomba ngendlela zokufumana isisombululo. Kwesi sisithwakumbe besi zibule ngaso kulomxholo salomlungu uzingelise iizilwanyana kokungekho mthethweni siymxhasa kakhulu urhulumente welizwe lwakwaMzilikazi ekubonakaliseni ukuthi umthetho umele wonke ummi welizwe elo kwaye nasekuthathelweni amanyathelo kwabo bangahambisaniyo nawo.

Sifuna ke ukwenza isimbonono kubo bonke abo bathanda isiNtu ukuba bancedisane nathi kweli phulo lethu lokubuyisela isidima sezithethe namsiko ethu.

Ngeenkcukacha kwakunye nolwazi jikelele zibandakanye nathi kwi-Ithongo Institute of Traditional Healing okanye unditsalele umnxeba kwa 071 194 9522.

Camagu!!!