Amagqirha nemimoya yezilwanyana

Kwinkolo yethu thina magqirha sikholelwa ukuba izilwanyana zisisikhokelo kuthi ngokomoya kwaye zidlala indima enkulu ekusihlanganiseni nemimoya yezihlobo zethu esele zayinabela iingubo kaqaqaqa.

Le mimoya yezilwanyana yimimoya ephila nabantu ikwabancedisa ekubeni babe nobungangamsha kwizinto eziliqela. Le nto ke indala kakhulu isuka endulo xenikweni kusaphila ookhokho bookhokho bethu. Abantu basemandulo bebephila ngokuzingela izilwanyana kwaye bezisebenzisa kwizinto eziliqela kuquka nokwambathisa abantwana begazi kwimisitho yokubekwa kwabo ngokusesikweni.

Ukubonisa ukubaluleka kwezilwanyana kwakunye nokunika intlonipho kwezinye, bekukho izilwanyana ezityeshelwayo ngabazingeli, oko kwenziwa ngendlela yokunika intlonipho kweso silo. Kwaye abazingeli bakudala bebengasibulali isilwanyana esiselula okanye esiyimazi ngeenzame zokuzama ukuba uhlobo olo luthile lwesilwanyana lugcinakale ixesha elide. Bekude kubekho nethuba lokuba makungxengxezwe kwabaphantsi xa kuthe kwabulawa isilo esithile ngempazamo.

Oko abantu abantsundu bebekwenza ukubonakalisa ukuba izilwanyana zilulutho kuthi kwaye kumele siziphathe ngendlela yokuzigcina ukuze izizukulwana zethu zibe nakho ukubona ubuhle bazo kwaye zifunde lukhulu kuzo nokuba zinxulumane nazo ukuze zifumane imimoya enamandla ephuma kuzo. Thina banyangi besiNtu siphila ngemimoya yezilwanyana.

Xa kunamhlanje ihlabathi jikelele lenza isimbonono kwizizwe zonke ukuba zilwe noshishino lokuthengiswa kwamabamba endlovu kwakunye nokubulawa kwemikhombe kwakolu shishino lungekho mthethweni. Kwasendulo kuthi bantu bamnyama ingakumbi abanyangi besiNtu, ezi zilwanyana sele ndizikhankanyile ngentla, zezinye ezibekekileyo kuthi nesizihlonipha ngendlela esisimanga. Ezi zilwanyana ke zezinye ezinomthelela omkhulu kumasiko ethu.

Kuthi banyangi besiNtu imimoya yezilwanyana isisikhokelo kubomi bethu, yiyo lo nto kunyanzelekile ukuba sisoloko sikhankanya ukubaluleka kokukhuselwa kwezinye zezilwanyana ezisaphilayo.

Le mimoya ihlala ikho kubomi bethu bemihla ngemihla kwaye iyasincedisa ekubeni sijongane nemingenela emininzi ebomini bethu. Nakwiziduko zethu uyakufumanisa ukuba sikho isilwanyana isiduko esithile esihlanganiswa naso apho uye ufumanise ukuba siyinxalenye yabantu bonke abazibiza ngeso siduko. Umzekelo OoJola, Oomfene, Oonkomo, Oonkala, Oondlovu nabanye. Kwaye neentsapho zabantu abaseso siduko zisithatha njengesona sibekekileyo isilwanyana eso.

Ukuzama ukubonisa unxulumano lwethu nezilwanyana ubani kumele akrwaqule kwalapha kwizilwanyana ezisetyenziswa kumasiko ethu umzekelo ngowebhokwe, namhlanje ziba ninzi iizifo ezihlasela izilwanyana ezinye zide zikhokhelele ekubeni abantu bavalwe bangalutyi olo hlobo lwenyama. Kodwa kunqabile ukuva isifo ekuthiwa sihlasela iibhokwe lo nto ingqina ubungqondi obaboniswa ngookhokho bethu malunga nokuba abantu basebenzise ibhokhwe kumasiko abo kuba yeyona ibonwa njengesilwanyana esisezakubakho kwizizukulwana ngezizukulwana ezilandelayo kwaye ekunzima ukuba singachatshazelwa zizifo zala maxesha siphila kuwo.

Xa kungoku uninzi lucinga ukuba ulondolozo-ndalo yinto yabamhlophe kuphela, kanti akunjalo. Izilwanyana kuthi banyangi besiNtu yinxalenye yobomi bethu. Zisinika umkhomba-ndlela kwimibono nasemaphupheni zikwasinceda ekusikhokeleni kwindlela ekumele sibanyange ngayo abaguli bethu, sibuya futhi sihlole okanye sixilonge abantu ngokunxulumana nemimoya yezilwanyana ezihlangene nabo.

Nangoku kwizilwanyana ezona zinkulu nekuzezi zilandelayo: Ingonyama, Indlovu, Inyathi, Ihlosi uMkhombe; zonke kuthi zinendima enkulu eziyidlalayo. Ndizozama ukuzicalula ngokohlobo lwethu thina banyangi besiNtu. Ingonyama xa sibhekisa kubungangalala kwakunye nokongamela komntu othile namandla anawo siye simfanise nesi silo siyingonyama. Indlovu -kuthi ingumbono omhle ekwazini ukunakekela inzala yayo kwaye ikwathathwa njengesona silo sizisa ithamsanqa kwabo basinqulayo kwiziduko zabo.

Inyathi yinkomo yehlathi enamandla kwaye yayibanjwa ngabazingeli abaphume izandla mandulo abakwaziyo ukuzingela esi silo kuba sinobuchule bokwazi ukuzikhusela kwabo basihlaselayo.

Ihlosi , njengekati yehlathi esi sisilo esaziwa ngobuchule ekuzingeleni kwaye nalowo ebethi asizingele asibulale esi silo, ebesaziwa njengekroti. Umkhombe , nawo uthathwa njengesona silwanyana sinqabileyo nesinkangeleko yaso inqabileyo kakhulu.

Zonke ezi zilo kuthi banyangi besintu zibalulekile kwaye ziyasinceda zibuye zibe yimfundiso kwindlela esenza ngayo izinto.

Isiduko ngasinye sayanyaniswa nesilwanyana esithile kwaye oku kungqina ukubaluleka kwezilwanyana kuthi. Ngoko ke umbono othi thina bantu bantsundu asizikhathalelanga izilwanyana lawo ngamapunge.

Thina siphuma kumnombo ohlonipha imimoya yezilo eziliqela.

Camagwini!!!!