UMQEQESHI weKaizer Chiefs uSteve Komphela akasalali behlayo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweli qela kodwa akukubanga kwaphela kwaye ikhona into ezakubangela ukuba bavuye abalandeli baMakhosi kule sizini, ngokokutsho kwamagqirha amabini aseMpuma Koloni.
I’solezwe lityelele la magqirha eMdantsane lizokubuza ngekamva likaKomphela nanjengoko bexhalabile abalandeli beChiefs, bambi besithi makakhwelele kweli qela laseNaturena. La magqirha akathethanga ngaxesha-linye, siqale kwelinye saphuma saya kwelinye.
Bobabini bavuma ngazwilinye ukuba uKomphela ikhona into azakuyifumana kule sizini, kodwa baveza ukuxhalaba ngabanye babadlali beChiefs besithi benza “ngabom” befuna uKomphela abephantsi koxinzelelo olumandla.
Igqirha lakwa-N.U.1 eMdantsane uNomqondiso Notshangaza Skweyiya uphose amathambo akhe sijongile, emva koko wathi uyayibona impumelelo ngoKomphela kodwa eli gqirha live inkxalabo lisithi wakhelwa amayelenqe lo kaKomphela.
“Ungumntu ontlahlileyo yena kwaye iyamkhathaza into yokungaqhubi kakuhle kweChiefs. Uhlala ezibuza ukuba angayiguqula njani imeko yeli qela. Amathambo am abonisa impumelelo kodwa ekwakhatshwa ngamayelenqe.
“Zikhona izinto ezimkhathazayo empilweni uKomphela. Ngamanye amaxesha unokutyhafa kodwa aphinde aziqinise,” kutsho uSkweyiya.
USkweyiya uthi kukho abadlali beChiefs abangancedisaniyo kwimeko eyambethe uKomphela. “UKomphela uzakuyizuza indebe, kodwa makungajongwa kuye kuphela makujongwe nakubadlali. UKomphela ulala elila, efuna ukwenza zibengcono izinto,” utshilo uSkweyiya.
Elinye igqirha, uNozihlwele Gibi wakwa-N.U.15, naye uthi ikhona indebe azakuyizuza uKomphela. “Kodwa ke ingxaki ikwaleli nakubadlali. Abanye babo abanantliziyo ihlambulukileyo ngakuKomphela. Kukho abadlali beChiefs abasetyenziswayo ukugqwalisa uKomphela,” utshilo uGibi.
UGibi kwanoSkweyiya badize ukuba kukho abantu abammunyelayo uKomphela, befuna esi sikhundla akuso.
“Abaphathi beChiefs bakubatshintsha bebatshintshile abaqeqeshi ukuba abayiqwalaseli le nto yabadlali. UKomphela ukhathazekile yimeko yeChiefs kwaye uzakuyizuza indebe xa aba badlali bammunyela uKomphela bengatshintsha kwindlela abaziphethe ngayo,” utshilo uGibi.
UKomphela ufike kwiChiefs kwisizini ka2015/16 esuka kwiMaritzburg United kwaye akakayiphumeleli indebe neli qela. Le yisizini yakhe yesithathu kwaye isivumelwano sakhe neli qela siyaphela kweyeSilimela kunyaka ozayo.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis