Amagqiyazana abhubhe egonene

Libali elilusizi, lamagqiyazana amathathu ekuthiwa abengabahlobo bokwenene ababhubhe begonene emva kokutsha kumlilo ekukholelwa ukuba ubangelwe likhandlela kwilali yaseMaZotshweni eThongwana eGcuwa.

Esi sithwakumbe sokutsha kwala magqiyazana, kukholeleka ukuba senzeke ngentseni yangoMgqibelo, kodwa amaxhoba azokubonwa xa kujika ilanga. Iingxelo zithi kubonwe kuqhuma indlu ebebekuyo. Bazile abantu bawucima umlilo, bengayazi ukuba kukho izidumbu ezithathu kobo bugoxo.

“Emva kokuba kukhangelwe ixesha elide, abantu baye baphindela ekuqhubeni intselo kuba lo mzi kwenzeke kulo eli shwangusha ubusile umqombothi. Kufike omnye umntwana, ejonga nje apha kobu bugoxo bezinto ezitshileyo, samva ekhwaza esithi kukho amathumbu ngasefrijini etshileyo. Xa sisondela, kanti ngamathumbu omntu,” kutsho osisihlobo kwelinye lamaxhoba uNongenile Ntoba.

Amaxhoba ale ntlekele nguNolwandiso Nkombisa (30), Siziphiwe Gabaza (25) kwakunye noNosipho Ngqangule (21) nabebezitshomi. Isikizi lokubhubha kwabo lishiye inyembezana ilali yaseMaZotshweni.

Ezothusayo malunga nesi siganeko kukuba esi sithathu sibhaqwe emva kwentsimbi yesine emva kwemini ukuba singaphakathi kwaye sibhubhile, sibhaqwa ngabantwana ebebezidlalela bekhangela into abanokuthi bazibhaqele yona kwindlu le itshileyo. Ingxelo ithi kweli khaya bekukho umqombothi kuselwa ngabahlali belali bengazi ukuba besela imini le yonke nje kunezidumbu ezishiyekeleyo kwindlu ebinomlilo.

UNongenile Ntoba uthe: “Ndimane ukuphakama nditshintsha indawo yokuhlala apha phandle sihleli emthunzini amadoda wona esela ngaphakathi kanti caba bendibethelwa sesi simanga kanti sihleli nemizimba engasekhoyo. Sive ngesikhalo sabantwana sele kukudala besithi makuphakanyiswe ifriji kuba kukho amathumbu avelileyo sacinga inokuba yinyama ibingaphakathi kwifriji.”

“Xa kuphakanyiswa yhini ngumzimba, sisothuke njalo xa kuvunjululwa kwelinye icala naba ababini bebhubhile begonene ngasemnyango kucaca ukuba bebeyokuzama ukuvula boyisakala ngumsi,” utshilo uNtoba.

Zonke iintsapho zamaxhoba zithi zisothukile kukushiywa ngabantwana babo abayazi nokuba bakuqala ngaphi ukungcwaba. Ikhaya lakwaNgqangule luthi sele lungxamele ukuba ide idlule yonke le nkqubo kuba alunayo nenjani isenti baxhomekeke kwimali yesiboneleleo sabantwana. AbakwaNgqangule bathi uNosipho ebeyintyatyambo yekhaya besajonge lukhulu kuye. UNosipho ebesenza uGrade 11 eVulihlanga S.S.S.

Umama kaNosipho uphazamisekile engqondweni, nanjengoko emana ukubuza ukuba iphi na intombi yakhe.

UNowethu Gabaza uthethe amabini kuphela ebonakala edidekile sisehlo esithe senzeka nanjengoko naye ehlutshwa yimpilo. Ilali ithi ayikhange icingele ukuba kukho abantu abatshele ngaphakathi emlilweni. Amaxhoba athi abongoza uncedo anokuthi alufumane kwabo banokuthi bafake isandla ngokuncedisa kuba bangamakhaya angathathi ntweni, angathi atsalele kwiSolezwe.

Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha ulumkise uluntu ngelithi maluhlale luqaphele acinywe amakhandlela ukunqanda iimeko ezinje. Amapolisa alivulile iqwakuqwaku lokutsha, ukuze ajonge ukuba kungaphandwa kusini na.

Akukacaci ukuba ziza kufihla nini ezi ntsapho, nanjengoko ingamakhaya ahluphekileyo.