Amagqiyazana aseDutywa atsotse abantu kwiiATM

Ngabafundi ababini basetyhini abathe babethwa babokoboko ngabahlali baseDutywa emva kokuba bethe barhaneleka ukuba benza ubuqhophololo kumakhadi ebhanki kwabo bangakwazi ukuzicofela koomatshini (ATM) eDutywa.

Ngokwengxelo, aba bafundi babonwe bezula ngakwibhanki ethile edolophini eDutywa kuLwesihlanu odlulileyo. Aba bafundi bafunda kwikholeji iKing Hintsa kwikhampasi eseDutywa.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi somasipala waseMbhashe uNcebakazi Kolwane, esi sibini sisindiswe ngamagosa ezomthetho omasipala woMbhashe, emva kokuba abahlali baseDutywa bebevutha ngumsindo bebafuna eziqwini.

Aba bafundi kutyholwa ngelithi baqhathe umama welali yakuMangati eDutywa uZandile Mbusi ngokuthi baza kumncedisa xa ekhupha imali kwiATM le nanjengoko engakwazi ukuzicofela ngokwakhe.

Ixhoba liye lanikeza ngeenkcukacha zonke zalo kubafundi ebathembile, ze imali ayaphuma amatyeli ebhankini. Emva koko ixhoba libone abafundi sele bebethwa ngabahlali besithi kudala bebajongile ukuba ngootsotsi.

UKolwane uthi aba basetyhini babini basindiswe ngamagosa la ezomthetho aseDutywa ngokuthi aqhushumbise isibham kabini phezulu ngeenzame zokugrogrisa kwanokususa abahlali phezu kwabarhanelwa ngethuba bebabetha. Abafundi bathathwe bayokugcinwa kumagumbi omasipala waseMbhashe emva koko banikezwa kumapolisa aseDutywa.

Ukanti esi ayisosiganeko sokuqala sisenzeka eDutywa, esokubethwa komntu kwangakule ATM, apho umfana oselula ngokweminyaka naye wathi wabethwa emva kokurhaneleka ukuba naye wenza lo mkhwa.

Umasipala woMbhashe uyale abahlali esithi abahlali mabohlukane nokucela amancedo kubantu abangabaziyo xa besebhankini. Kwaye bakwabongozwa nabahlali ekubeni bayeke ukuthathela umthetho ezandleni zabo, kungenjalo mabachaze kumapolisa.

Asikabi nalwazi nokuba amagqiyazana la alivulile ityala lokubethwa emapoliseni kwisinina, I’solezwe belingekafumani nkcukacha ngokupheleleyo.