‘Amagqwetha mawohlukane nemali kaRAF’

Umphathiswa wesizwe kwisebe lezothutho uBlade Nzimande kwikhaya likaJerome Peterson eMissionvale eBhayi

Umphathiswa wesizwe kwiSebe lezoThutho uGqr. Blade Nzimande ugxeke amagqwetha ngokuzithaphulela kwingxowamali yearhente ebizwa ngokuba yiRoad Accident Fund (RAF) nebekelwe ukubuyekeza amaxhoba eengozi zasezindleleni.

Umphathiswa ukuthethe oku ngethuba ebetyelele kwilokishi yaseMissionvale eBhayi kwikhaya lendodana eyimbedlenge neyagaxeleka kwingozi yokungqubana kwezithuthi ngonyaka ka2009.

Uthe ukubuyekezwa kwamaxhoba kuthatha ixesha elide ngokulityaziswa ngamagqwetha ngabom kuba eneenjongo zokonyusa iimali zokusebenza kwawo.

“Siza kuza nomthetho omtsha oza kulawula le ngxowamali iyeke ukuba sisisulu sokuxhatshazwa ngamagqwetha angenanyani nokwenziwa iATM umatshini ogabha imali.

Uhambise wathi le arhente ixakeke ngamaphulo okufundisa abantu kwiindawo abahlala kuzo ngomsebenzi kaRAF, bekwaxhotyiswa ngamalungelo abo, esithi uninzi lwabantu abazazi iindlela zokwenza izicelo zembuyekezo.

Ukwathethe nangoqhankqalazo lwabaqhubi beebhasi, esithi lungene kusuku lweshumi kwaye lo nto imbangela ukuba axhalabe, esithi abanye babakhweli bayabambezeleka kuba bebesele bethenge namatikiti okukhwela enyanga, ngoku kunyanzeleke bayokufuna iimali zokukhwela ezinye izithuthi.

Uthe nangona abasebenzi benelungelo lokuqhankqalaza kodwa inkulu inkcaneko eza nalo, esithi ukuba abanakudibanisa iintloko beziinkokeli kwanabo babandakanyekayo kuseza kukhal’ eny’ intwana.

Lo kaNzimande ebehambele kweli khaya ekhatshwa ngamagosa kaRAF bezokunikezela ngebhedi yombane nesitulo esihamba ngamavili kuJerome Peterson (32).

Ukhuthaze abakwaRAF ukuba benze unakhonakho ukukhawulelana neli xhoba lezengozi kwiintswelo zalo, esithi nangona lwaphuma kuGrade 9 esikolweni ngenxa yale ngozi lingatsiba liyokufunda uGrade 12 ngongenelelo lukaRAF.

UPeterson waqengqeleka nemoto awayeyikhwele, ngozi leyo yamshiya eyingxwelerha engakwazi kuzenzela nto.