Amagumbi amatsha kubafundi baseMpame

Baza kufundela kumagumbi amatsha abafundi besikolo samabanga aphantsi iMpame eXhorha kulandela inyathelo lebhanki iTeba Trust kunye ne-Ubank lokunikezela ngamagumbi amahlanu, igumbi lolawulo kunye nelezinye izinto kwesi sikolo izolo.

Ulwakhiwo lwesi sikolo luqale ngonyaka ka-2013 emva kwezikhalo zikaMzolisi Diliza owayefudula engumfundisi ntsapho nomfundi wesi sikolo nobone kukho imfuneko yokutyala kwisikolo sendawo azalelwe kuyo kwaye bekumele sigqitywe kunyaka ophelileyo kodwa ngenxa yemiceli-mngeni engaphaya kwamandla ale bhanki akukhange kube njalo.

Le ngxowa-mali yathathela kuyo izikolo zasemaphandleni ezikwishumi ubuncinane ukuze izincede ngeendlela ezahlukileyo eziquka ukunikela ngencwadi, ukwakhiwa kwamathala nezinye. IMpame sisikolo sasemaphandleni esinabafundi abangamakhulu amathathu ukusuka kwibanga elisezantsi ukuya kwinqanaba lethoba.

Oyingqonyela kwingxowa-mali iTeba Trust eyenze la magumbi uDerrick Elbrecht uthi ukwenziwa kwesi sikolo yindlela yokuphucula imeko kwizikolo zasemaphandleni ingakumbi ezazifudula zingaxhamli kwiinkqubo zangaphambili.

“Ukugqitywa kwesi sikolo kukuzibophelela ekuphuculeni izikolo zasemaphandleni, ukunyusa umgangatho kuzo ngolwakhiwo lwamagumbi kunye nokubulela igalelo likaMzolisi Diliza ngethuba wayesebenza njengegosa eliphezulu kule ngxowa mali( Teba Trust).

“Siyaziqonda iimfuno zabantu basemaphandleni kuba ibhanki le yethu ifumana inkxaso enkulu kubantu abasebenza emigodini nabasuka kumaphondo afana neMpuma Koloni,” utsho * -Elbrecht.

Inqununu yesikolo uNonkululeko Piliso uthi imeko yokungabikho kwamagumbi oneleyo bekuyiphazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa esikolweni.

UPiliso uthe: “Ubukho bala magumbi kuzokwenza umahluko omkhulu kuba sizokwazi ukuphungula abafundi kumagumbi ebebedityaniswa kuwo de imeko ingalawuleki, umfundisi ntsapho bekunyanzeleka alinde omnye kuba abafundi bebengakwazi ukumamela ootitshala bethetha kwigumbi elinye, sikwanenyhweba yokufumana ithala leencwadi kule bhanki, ziliqela indawo esikhe sabhenela kuzo.”

Umfundi wenqanaba lesibhozo uNokubonga Nkamfini uthe ukufunda bengabafundi bamagumbi ohlukileyo bekunganyamezeleki kuba bekungxolwa ngabanye nto leyo ibiyingxaki, ukwathi iseliqela imiceli-mngeni ejongene nesikolo equka ukungabikho kwabafundisi ntsapho abohlukileyo abafundisa izifundo ezifana nezibalo.

Ukanti uNtlahla Tengile okwinqanaba lesithandathu ofuna ukuba ngunontlalontle uthe ubelilifa lokungeva izifundo ngenxa yokugcwala kwigumbi labo nto leyo ethetha ubukho bala magumbi kuzokwenza umahluko omkhulu kwindlela abebefudula besebenza ngayo.