Amagumbi omgangatho kwisibhedlele saseMthatha

Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uGqirha uPumza Dyantyi unikezele ngamagumbi amane anobuxhakaxhaka bale mihla ahlaziywe ngokutsha kwisibhedlele iMthatha Regional izolo, kulandela ukuhlaziywa okuqale kunyaka mali ka2013/14 okuxabise imali elishumi elinesine lezigidi zeerandi (R14 million).

La macandelo mane aquka elabantwana, elabantu abatshileyo elonyango neholo. Ethetha nabantu abebezimase lo msitho uDyantyi uthe:

“Ukuphumelela kolu hlaziyo lwala macandelo kukuphumeza isithembiso noxanduva likarhulumente lokunika abantu iinkonzo ezikumgamgatho ophezulu kweli phondo. Silapha ukubonisa ukuba urhulumente uyakhathala kwaye sikhethe awona macandelo ebesinika ingxaki enkulu ngokusoloko kungena izikhalazo kweli sebe lezempilo.”

“Nawukhumbula, zine ubuncinane izibhedlele eziphantsi kolungiso eziquka Isibhedlele saseGcuwa, esaseLusikisiki iSt Elizabeth, Dora Nginza kunye neMthatha Regional. Sinyusa umgangatho wezi zibhedlele ubekwizinga lale mihla,” kutsho uDyantyi.

UDyantyi ukwathi batshintshe icandelo labantwana balibiza iDr Zandisile Nazo osweleke kunyaka ophelileyo nosenze ngokuzimisela kwesi sibhedlele iminyaka eliqela, nongunozala wompumelelo yolu hlaziyo lwesi sibhedlele.

Yimali eyi-R94 yezigidi zeerandi ebekelwe bucala ukuphucula izibhedlele zephondo leMpuma Koloni, kodwa lo msebenzi osele ugqityiwe eMthatha uxabise imali elishumi enelisine lezigidi zeerandi. Kwicandelo labantu abenziwa uqhaqho, kunyuswe umthamo weebhedi waya kumashumi amane anesibini.

Iibhedi zingamashumi amabini ananye kwigumbi lamadoda ukanti nakoomama ziyalingana.

Nakwicandelo labagulayo kunyuswe amanani eebhedi ukuya kumashumi amane anesibini xa kudityaniswe oomama nootata, kwiiwadi zabantwana zingamashumi amabini anesibini.

UGqirha Maduna olibambela ntsumpa kweli sebe ephondweni uncome isicwangciso sokuhlaziywa kweli ziko nangona esithi kusekuninzi ekusamele kwenziwe ukunyusa umgangatho waso.