Amagunya oMphicothi Ziincwadi azakubamba ukutyiwa kwemali gwenxa

Lifikile ixesha lokuba abo basebenzisa gwenxa iimali zikarhulumente baphendule. I-ofisi yoMphicothi Ziincwadi zemali karhulumente jikelele ithi liphelile ixesha apho izakukhupha nje ingxelo emva koko isonge izandla.

Umlawuli wale ofisi eMpuma Koloni uShereen Noble uthi i-ofisi YoMphicothi Ziincwadi izakusebenzisa amagunya ewanikiweyo ukulandela abo basebenzise gwenxa inxili yesizwe.

Lamagunya aquka ukufakwa kwamatyala kumapolisa okanye ibutho lamapolisa elibizwa ngokuba ziiHawks, ukunikezelwa ngengxelo kwibutho eliphanda ubuqhophololo kurhulumente iSIU, kwaye le ofisi izakukhupha izibhambathiso zokuba amagosa karhulumente abandakanyekayo abuyise ilahleko mali kwinxili yesizwe okanye ajongane namatyala ezinkundleni anokukhokelela ekubeni lowo ulahlwe lityala avalelwe kwixesha elilingana netyala lakhe entolongweni.

UNoble uvakalise inkxalabo ngamasebe karhulumente weMpuma Koloni, angenazicwangciso zokunqanda inkcitho mali engagunyaziswanga.

Uthi ngamashumi amathandathu anesihlanu eepesente kumasebe karhulumente apho kungekho azicwangciso zokulandela indlela esetyenziswa ngayo imali. Uyalele amagosa karhulumente kufanele ukuba ayazi imali esetyenziswa ngamasebe ngosuku, agcine ingxelo yenkcitho-mali yangeveki nganye ukuze anqande inkcitho-mali engafanelekanga. “Ukuze siqinisekise ngokuhanjiswa kweenkonzo kufanele ukuba amasebe karhulumente ayazi ukuba yimalini esebenzileyo kulo mali yabelwe loo nkonzo, ayazi ukuba kushiyeke malini, kwaye izakusetyenziswa njani,” uqhube watsho uNoble.

Uthi lo mceli mngeni mninzi ngakumbi koomasipala beli phondo.

“Amashumi asithoba anesibini eepesenti koomasipala, akukho sicwangciso sokulawula inkcitho-mali, bengenaso nesokujonga ukuba umsebenzi uyaqhuba. Ngamashumi alithoba anesihlanu eepesenti angalandeli migaqo yemithetho elawula ukusetyenziswa kwemali karhulumente, ngelixa amashumi asibhozo anesibini eepesente engazilandeli iinkqubo zeziniki maxabiso [supply chain processes].

UNoble ukwathe amashumi amane eepesenti kwabo bafumana iithenda kurhulumente bayayifihla eyokuba banobudlelwane kwabo bakhupha iithenda.

Kunyaka-mali ka-2018/19 Isebe Lezempilo, Isebe Lemisebenzi yoluntu, elezothutho kwakunye ne-ofisi yeNkulu baphathiswa abe negalelo elibalelwa kumashumi asibhozo anesine eepesenti ngenkcitho-mali engafanelekanga ebalelwa kwi-727 yezigidi.

Le nkcitho-mali ibangelwe kukungalandelwa kwenkqubo zeziniki maxabiso, ukuguquguqulwa kwamaxabiso anyuswe kwimali equlathwe kwisivumelwano.