Amahlakani kaZuma achasene noMasualle

IMANYANO yeempula zikaLujaca iSouth African Unemployed Workers Union (SAUWU) ibe libutho lokuqala eMpuma Koloni ukuvakalisa ngokuphandle uluvo lwayo malunga nenkomfa yeANC ephondweni yonyaka ozayo.

Ixesha lesigqeba solawulo seANC esasonyulwe eBhayi ngo2013 lifikelelwa esiphelweni kunyaka ozayo nanjengoko ubude beminyaka yaso isisine. Esi sigqeba siquka uPhumulo Masualle njengosihlalo, uSakhumzi Somyo njengosekela-sihlalo, uOscar Mabuyane njengonobhala, uHelen Sauls-August njengosekela-nobhala, uThandiswa Marawu njengonondyebo kwanamalungu ekomit’ embaxa yephondo (PEC).

Ngaphandle nje koSomyo, ubuninzi besisigqeba – apho kuquka uMasualle, Mabuyane, Sauls-August noMarawu – sikwixesha elimisiweyo lesibini (second term).

Okuthethekayo ngaphakathi kwimijelo yeANC ephondweni kukuba uMasualle “makathi xha” angangeneli ugqatso lwexesha elimisiweyo lesithathu (third term).

“Ukuba uyakhumbula ngo2013 ubuninzi bamasebe eANC onke avumelana ngoMasualle esithi nguye onesakhono sokubumba imihlambi eyalanayo kwiANC ephondweni. Kodwa ngoku sicinga ukuba kufikelele ixesha lokuba uMasualle anikele komnye.

“Ilisiko kwiANC into yokuba inkokeli iphathe izihlandlo ezibini (two terms) kuphela,” kutsho ilungu leANC eliphezulu kwingingqi iAmathole. Umongameli weSAUWU uJabu Ntusi uthi le manyano inqwenela ukuba uMasualle angangeni kwidabi logqatso lolonyulo lweenkokeli zeANC ephondweni kunyaka ozayo.

Le manyano yaziwa ngokuba lihlakani elikhulu likaMongameli Jacob Zuma. Ukungqina oko, uNtusi uxelele I’solezwe ukuba abantu baseMzantsi Afrika bafanele ukumxolela uZuma kulandela ukuhlawula kwakhe enye yemali echithwe ukwakha umzi wakhe eNkandla.

UNtusi uthi uZuma wayeseMonti ngo2012 emva kokucelwa ngabo ukuza kusungula inkqubo yokunceda abantu abangaphangeliyo ngemisebenzi yokucoca iilwandle zephondo. “Le nkqubo ibizakudala amathuba engqesho akumakhulu amathandathu emisebenzi kodwa ukuza kuthi ga ngoku akukho kwanto eyenziweyo,” utshilo uNtusi.

UNtusi ugxeke uMasualle ngokungahoyi le nkqubo. “Yiyo le nto sithi thina asimxhasi uMasualle kuba usiphoxile. Thina sixhasa inkokeli ezakuncedisana nathi, hayi abantu abazele zizithembiso ezingafezekiswayo,” utshilo uNtusi.

Intetho zikaNtusi ziza emva kokuba isigqeba seANC ephondweni sivakalise ukuba sixhasa isiphakamiso sokuba makubanjwe inkomfa yaphambi kwexesha kulungiswe iingxaki ezambethe iANC kazwelonke.

Oku kuza emva kokuqhuba kakubi kombutho kunyulo loomasipala kwinyanga ephelileyo. Ngabantu abaxhasa uZuma kuphela abachasene nompoposho ofana nalo uphakanyiswe yiANC yephondo.

Isithethi sikarhulumente waseMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi zininzi iinkqubo ezihlelelwe udalo-misebenzi kubantu abangaphangeliyo kweli phondo. Ezinkqubo ziquka uxonkxo lwedami laseMzimvubu, ukuvuselelwa kwedolophu yaseSajonisi kwanokwakhiwa kwendlela esuka edolophini kuGatyana isiya elwandle eDwesa. UKupelo uthi uMasualle uhlala ezivulile iingcango zakhe kuye nabani na umntu orhalela ukuphakamisa umba odla umzi.