Amajoni akha iibhulorho ezilalini

ULT Colonel Bergh ulindele ukwamkelwa kwabaphathiswa phezu kwebhulorho yeBailey ethathe inyanga neveki ukwakhiwa eNgcobo Umfanekiso: Yolande Feni

Emva kokuba kuqatshelwe ubunzima obujongene nabantu basezilalini xa bewela iibhulorho ngeemini zeemvula ezinkulu ezithi zenze izikhukhula emilanjeni kutsho kube nzima ukuyiwela, amajoni athathe icebo elalisetyenziswa kwimfazwe yamazwe yesibini aqalisa ukutshintsha intlalo yabantu emaphandleni aseMpuma Koloni ngokuthi akhe ibhulorho ebizwa ngokuba yiBailey nexabisa imali encinci ukuyenza kwaye nexesha lokuyakha lincinci kakhulu.

Eli qhinga lathi lasungulwa ngonyaka ka2009 emva kokuba iSebe loKhuseleko lathi laqaphela into yokuba ubuxhakaxhaka beentsimbi ezashiyeka ngexesha lemfazwe buhleli nje bugqiba indawo ezinkampini zawo, latsho lasebenzisana neSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neSebe lezoThutho noKhuseleko kwiphondo eli.

INjineli kwiSebe loKhuselo uCol LT Burgh nonguye okhokela igqiza lamajoni asebenza ngokwakha ibhulorho ezi uthi le ntlobo yebhulorho ebizwa iBailey yayisetyenziswa xa kufuneka kuhlaselwe kummandla wentshaba emfazweni.

“Amajoni ngexesha lemfazwe ayeyisebenzisa ibhulorho le ukuwela iindonga nemilambo ukuze bafikelele kwiintshaba zawo. Saye sayakha eyokuqala ibhulorho ngonyaka ka2009 sisebenzisa iintsimbi ezashiyeka kula mfazwe kodwa seziphelile ngoku, senza ezinye sikopa kwindlela ekwenziwa ngayo eziya,” utshilo uBergh.

Uthe olu hlobo lwebhulorho lithatha intsuku ezine ukudityaniswa kweentsimbi zayo.

“Sithatha nje iiveki ezisi-8 xa sisenza ibhulorho sitsho siyigqibe. Iintsimbi zona iba zintsuku ezine ukuzihlanganisa ube ugqibile,” wongezile lo kaBurgh.

Olixhoba lokuhamba nezikhukhula zomlambo kwilali iNkobongo eNgcobo, uEric Ntshinga, nebekuvulwa kuyo ibhulorho yesihlanu oko lasungulwa eli phulo kule veki iphelileyo nguMphathiswa uPatricia de Lille weSebe leMisebenzi yoLuntu nelinoxanduva lokuququzelela eli phulo, uthe uyayivuyela le nzame ngoba isizukulwana sakhe asinokuyifumana into embi eyamehlelayo ngonyaka ka2000.

“Ngonyaka ka2000 sathi xa siwela ibhulorho le, indim nabanye oomama ababini zange siwave amanzi, sabona kusithi gqi isikhukhula esisuka ngentla sandithatha semka nam kunye nabo mama ababini.

“Ndancedwa lisebe lomthi sele ndincamile emazantsi omlambo, ndakwazi ukubambelela ndiphume, ndatsho ndanceda nabanye, ngoku xa ndime phezu kwale bhulorho ndonwabe kakhulu, isizukulwana sam ndiyayazi ngoku ukuba asinokusifumana esi sam isehlo ngoba ngumankanka lo,” utshilo uNtshinga.

Kule nkqubo yolwakhiwo lwebhulorho, ngamaSebe kaRhulumente amathathu asebenzisanayo, iSebe leMisebenzi yoLuntu liququzelela ulwakhiwo, ize iSebe lezoThutho ephondweni lizise imali edingekayo, lona iSebe loKhuselo liyazakha iibhulorho ezi.

Amathuba omsebenzi athi avele angama40 nalapho kuye kuqeshwe ekuhlaleni. Ezintlanu iibhulorho sele zakhiwe ngoku, zine iibhulorho ekusajongwe ukuba zakhiwo apha eMpuma Kapa kulo nyakamali. Eyakhiwayo ngoku ikwidolophu yaseCofimvaba.

Ethetha nabahlali kolu vulo lwebhulorho, uPatricia de Lille, uthe ubom bomntwana oswelekileyo emnye bubom obuninzi kakhulu obo, yinto leyo urhulumente anentloni ngayo.

“Urhulumente kufuneka enze kanje, imbi into yokuba kubekho umntwana otshona emlanjeni esiya esikolweni. Yinto esinentloni ngayo thina bantu abakuRhulumente xa nithwala nzima ukuze nifumane iinkonzo.

“Le bhulorho le yakhiwe ukuba kufunwa ukutshintshwa intlalo yenu. Mayiphele into yokuba uRhulumente athembise angenzi, nani sanukuthemba kwalizwi labantu bepolitiki. Xa benibathembisa ngento nibobuza ukuba iza kuvelaphi imali yokwenza isithembiso eso,” utshilo uDe Lille.

Lo msitho ubuzinyaswe yiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane, uSekela Mphathiswa weSebe leMisebenzi yoLuntu uNoxolo Kiviet, onguye owasungula le nkqubo ngelixa eyiNkulumbuso yephondo iMpuma Kapa kunye noMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Kapa uWeziwe Tikana-Gxothiwe.