Amajoni enyhikityha yeMendi aza kukhunjulwa

Sizakuqhutyelwa eBhayi isikhumbuzo senyhikityha kaSS Mendi inqanawa yomkhosi yesithwakumbe sangonyaka ka1917 owazika ethwele inkungula yamajoni antsundu ababesinga kwelaseFransi neyathi yagaxeleka engozini yokungqubana nenye inqanawa eyayibizwa ngokuba yiDarro.

Esi sikhumbuzo siyinxenye yoluhlu lwemisitho yokuvuyisana nezomkhosi wokhuselo weli lizwe.

UNjengele Xolani Mabanga osisithethi somkhosi wokhuselo woMzantsi Afrika (SANDF) uchazele oonondaba kwintlanganiso ebibanjelwe kwiholo yaseFeather Market eBhayi ngoLwesihlanu wale veki siyishiyileyo esithi ngale mini kwabhubha malunga namakhulu amathandathu anamashumi amane anesixhenxe (647) amajoni esithi angamakhulu aneshumi elinesithandathu (616) ingabantu abantsundu.

Uhambise wathi umkhosi wokhuselo weli lizwe wachonga usuku lwamashumi amabini ananye(21) kuFebruary usuku olwenzeka ngawo lo bhubhane njengosuku lokukhumbula la maqhawe nokubhiyozela ezomkhosi iveki yonke ukusukela ngomhla weshumi elinesine (14) kuFebruwari ukuya kuma 21. Uthe unyaka ka 2016 iyakuba ngunyaka wesithathu isebe labo liqhuba imisitho yokuvuyisana nezomkhosi esithi kulo nyaka babone ukuba bawuqhubele kweli laseBhayi.

Uthe ngezo ntsuku kuzakubakho intlaninge yemiboniso elungiselwe ukonwabisa abantu nokubafundisa ngezinto ezenziwa ngamalungu kwanezixhobo ezisetyenziswa ngumkhosi wamanzi, owasemoyeni esithi eli iyakubalithuba elihle lokuhlanganisa abantu namalungu emikhosi yokhuselo.

Lo kaMabanga uthe umhla wokuzika kukaMendi ngumhla wembali owaba ngumzekelo wobuthandazwe, ubuqabane nokuzinikela esithi nomkhosi wokhuselo weli lizwe uyahambisana nezo nto.

“Ngale misitho yokuvuyisana nezomkhosi sinika imbeko lo majoni ancama ubomi bawo ekhonza isizwe.

Phakathi kwezinto ezizakwenziwa ngamalungu omkhosi ngezi ntsuku kubandakanya ezemidlalo, umculo, nemiboniso ebandakanya ingcaciso ngemisebenzi kulutsha, izixhobo neenqanawa ezilungiselelwe ukulwa noodokolwane.

Usekela sodolophu wase- Nelson Mandela Bay, uBicks Ndoni uthe iyabavuyisa bengumasipala ukuba isebe lezomkhosi wokhuselo lize apha. Uthe nanjengoko abantu balo mmandla bejamelene nezenzo zobundlobongela nokuxhatshazwa kweziyobisi, ukubonakala kwamalungu omkhosi welizwe ngobuninzi kuyakuncedisa kweli dabi.