Amakhoboka kwezolimo

Amakhoboka ayenxityiswa isichele emasimini. Umfanekiso: Who Owns Africa

Ngenxa yemithetho yakudala equka ubukhoboka, abantu abamnyama babesetyenziswa kabuhlungu emasimini bengamnkeli, bebethwa bexhatshazwa ngandlela zonke.

Inkqubo yamakhoboka ubukhulu becala yayikhokelwa ngabantu abamhlophe kuba yayingabo ababenamakhoboka kwaye babethengisa abantu abamnyama bebabiza ngokuba ngamakhoboka.

Kweli nqaku sibonisa enye yeendlela zakudala ezazisetyenziswa ukucinizela abantu ezifama okanye emasimini, ngelizama ukukhumbuza amafama anamhlanje.

Kuthiwa la mafama abefakwa isichele okanye inkcenkce ekumila kufana nemaski apha emlonye. Imbali ithi esi sichele besisetyenziswa ukuthintela abasebenzi abamnyama (amakhoboka) ukuba bangakwazi ukuba iimveliso ezityiwayo ezifana neziqhamo.

Aba basebenzi bebenxityiswa esi sichele bethintelwa ukuba bangakwazi ukufikelela kwiziqhamo eziquka ama-apile, iibhanana, iiorenji kwakunye neendiza zeswekile. Nangona kwakusenziwa le nto, babenyanzelwa ukuba basebenze yonke imihla emasimini kwingqatsini yelanga elitshisayo, ingqele okanye imvula.

Esi sichele sasikwasetyenziswa ukuthintela abasebenzi basezifama ukuba bangakwazi ukuncokola ngokukhululekileyo kuba babesoloko besabelana ngolwazi.

Ukufaka esi sichele bekukwabangela ukuba bangakwazi ukucula iingoma ezibakhuthaza ukuba bamelane nalo msebenzi wasemasimini. Kaloku iingoma ezi sisixhobo esiphambili sokukhuthaza abasebenzi ukuba bomelele nangaphezulu emsebenzini wabo.

Aba bantu bebesebenzisa ezi ngoma ukukhuthazana nokomelezana, ukunyamezela le ngcinezelo yasemasimini yabacinezeli babo. Ezi ngoma bezibangela ukuba abasebenzi basezifama bazibone beqinile ukumelana nengcinezelo abaphiliswa phantsi kwayo.

Ngenxa yokuba uninzi lwaba basebenzi bebengamachule akwazi ukufunda nokufundisa nantoni abanqwenela ukuyigqithisa. Ngoko, bebevalwa umlomo ngokufakwa esi sichele ukuze bangakwazi ukufundisa ulwimi lwabo.

Abacinezeli babengafuni ukuba la makhoboka akwazi ukuthetha nabantwana babo ngeelwimi zabo zaseAfrika.

Bekusetyenziswa esi sichele xa umsebenzi ethintelwa ukuba afumane ukutya, ingakumbi xa egwetywe ngenxa yesizathu esithile asenzileyo. Bekubanzima ukungenisa icephe lokutya, bekubanzima nokufamana negaqa eli le-apile emlonyeni.

Zininzi iindlela abathi aba basebenzi bacinezelwe ngazo emasimini, kubo kukho naba babhubha phantsi kwale meko, kwaye kukho nabathe balwa nale meko bazikhulula kwingcinezelo.