‘Amakhosikazi amenza mhle uMercedes Benz’

UMongameli Cyril Ramaphosa kunye noAndreas Engling ingqonyela yakwaMercedes Benz SA kumsitho wokubhengezwa kwenkxasomali efikelela kwiR10 billion ezokuxhasa ekukhuliseni komzimveliso wezithuthi zakwaMercedes Benz eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa uwuqhwabele izandla umzimveliso wezithuthi wakwaMercedes-Benz eMonti ngokuqasha amakhosikazi, esithi intle nje i-C Class ngokuba kukho igalelo lamabhinqa ekwenziweni kwayo.

URamaphosa ebethetha kwaMercedes-Benz eMonti kule veki ngethuba lo mzimveliso ububhengeza ukuxandisa kwawo ishishini labo eliseMonti. Yiminyaka ingamashumi amathandathu eqhuba ushishino eMonti uMercedes-Benz.

Le nkampani ibhengeze ukuba iza kutyala imali eziibhiliyoni ezilishumi (R10 billion) kweli linge, apho kulindeleke ukuba yongeze amakhulu ngamakhulu wabasebenzi.

Kolu xandiso, iMercedes-Benz iza kukwakha indawo apho yokupeyinta iimoto, indawo yezixhobo kwanendawo yonaniselwano ngoshishino.

“Siliqhwabela izandla inyathelo likaMercedes-Benz lokubonakalisa intembeko kwilizwe lethu, ngokutyala imali. Oku kubonakalisa ukuba ilizwe lethu likulungele ukusingatha umthamo nomsebenzi wabatyalizimali, bekwenza oko ngozinzo nangokwenza imali.

“Kudala imizimveliso efana noMercedes Benz ibiqasha amadoda kumsebenzi wokwenziwa kwezithuthi nokusetyenziswa kwezixhobo, kodwa ngoku itshintshile lo nto kuba apha [kwaMercedes-Benz] kuqashwe amakhosikazi. Futhi ndinayo into ethi intle nje i-C Class kungenxa yokuba kukho isandla samakhosikazi ekwenziweni kwayo,” utshilo uRamaphosa.

URamaphosa uthi eli nyathelo labakwaMercedes-Benz lingqina ukuba amatiletile oMzantsi Afrika wokurhwebesha utyalomali oluxabisa iibhiliyoni zeedola ezilikhulu ($100 billion) kule minyaka mihlanu izayo.

UMarkus Schafer, ilungu lebhodi yakwaMercedes-Benz, kwicandelo lemveliso nonaniselwano, uthi le nkampani iyawuthemba kakhulu uMzantsi Afrika, esithi umzimveliso waseMonti ngomnye weziza zakwaMercedes-Benz eziqhuba kakuhle kakhulu, kwihlabathi jikelele.

Iimoto zakwaMercedes-Benz ezenziwa eMonti zithunyelwa kumazwe angaphaya kwamashumi asibhozo.