Amakhosikazi nesiko lolwaluko

UGqirha Mampho Gogela-Smith ophande ngendima yamakhosikazi aseMpuma Koloni kwimibandela yenkcubeko equka isiko lolwaluko UMFANEKISO: UTHUNYELWE

NOXA nje amakhosikazi ebonakalisa umdla ongaphucula indlela elenziwa ngayo isiko lolwaluko, kusekho amadoda angafuni kwaukuthetha ngeli siko namakhosikazi, ekwenza oko ngokugatya iingcebiso ebe zinokuwanceda ukuba ajonge ngenye indlela eli siko.

Kube njalo nakumava kaGqirha Mampho Gogela-Smith weYunivesithi iWalter Sisulu (WSU). Ngethuba wayehlohla abafundi kule yunivesithi malunga nonxibelelwano phakathi kukaGawulayo nolwaluko, ebeye afumane ukugatywa kubafundi abangamadoda.

Ngenxa yoku, uGogela-Smith wakhuthazeka ukuba enze uphando, angene nzulu ejonga ukuba ngeyiphi imiqobo ethintela amakhosikazi akwaXhosa aseMpuma Koloni ngokumayelana nokuthabatha inxaxheba ngokupheleleyo kulwaluko.

Olu phandosifundo lukaGogela-Smith, beluphantsi kwesihloko esithi Ingcingambonakalo zolwaluko kwisizwe sedemokhrasi esekezelwe ekunyamekeleni izimvo zabanye: Ingaba ukunxaxha kwenkcubeko kuyaxhamlisa kusini na amakhosikazi wamaXhosa aseMpuma Koloni?

Ngenxa yoku ke, uGogela-Smith ufumene iziqinisekiso zobugqirhalwazi kwiYunivesithi iRhodes.

“Olu phandosifundo lunikwe ifuthe, okokuqala, ngamava endiwafumene [kumsebenzi wam] wokuhlohla iLifestyle Management [eWSU]. Ngokokuhlohla isihloko seHIV/AIDS, ndaye ndaqaphela ukuba zonke iinzame zokuveza uluvo oluthi ulwaluko lungakwazi ukunciphisa umngcipheko wokufumana ulosuleleko lwentsholongwane kaGawulayo, lwaluvele lukhatyelwe phaya ngamadoda angamaXhosa okanye bangafuni nokuba ndithethe ngalo,” kutsho uGogela-Smith.

Uthi abafundi abangamadoda bebemxelela ukuba akufanelekanga ukuba amakhwenkwe, abafazi nezinye izintlu zenkcubeko ziyathetha ngolwaluko. UGogela-Smith uthi oku kukhatywa kwalo mhlomlo kwakubangela ingxoxo eshushu eklasini yakhe.

“Okwesibini, olu phandosifundo lunikwe ifuthe ngenxa yokuba mna bendingumama ongatshatanga ngela xesha futhi ndifuna ukukhe ndenze uphando oluvulelekileyo ngokweemvakalelo zabantu ababhinqileyo kwimiba yezenkcubeko.

“Bendifuna ukwazi ukuba ingaba amalungelo wamakhosikazi, nagunyaziswe kumgaqosiseko, ayatyeshelwa na egameni lokukhusela inkcubeko. Amakhosikazi akholelwa ukuba zikhona izinto ezingenziwa ngokohlukileyo ukwenza eli siko likhuseleke,” kutsho uGogela-Smith othi olu phandosifundo ulwenze kwiindawo ezifana noMdantsane, Flagstaff naseRhini.

Ingcali kwimiba yesiNtu, uLoyiso Nqevu, uthe: “Inkwenkwe inabazali ababini kwaye umntu ngamnye kubo unoxanduva ekolukeni kwayo. Amalungiselelo okwaluka kwenkwenkwe enziwa ngoomama, okokuqala xa inkwenkwe iza kwaluka kwenziwa ingxelo, utywala obo busilwa ngumama. Ikwangumama oququzelela ukuba kufumaneke intwazana enyulu eza kuphekela umkhwetha.”

Kananjalo, ingca yokufulela ibhoma, kwiindawo ezininzi eMpuma Koloni iphiwa ngoomama ze nebhoma yakhiwe ngabo.