Amakhosikazi: Sinikeni sizoluse ezi zidlwengu

UMphathiswa uNancy Sihlwayi eyokunika inkxaso enkundleni

“Yizani nawo siwaluse la madoda adlwengula abantwana, kuba asisokuze sinyamezele ukuxhatshazwa kwamanina ngabantu ekuthwa ngamadoda, sinikeni zona sizaluse izidlwengu kwakho.”

Oku kuthethwe nguceba weDA ozinze eKapa Ncumisa Mahongu ngethuba ebeyinxalenye yamakhosikazi abexhasa inkosikazi ebivele enkundleni kamantyi eCacadu ngezityholo zokubulala indoda etyholwa ngokuba yabonwa idlwengula intombi yayo, yenzakalisa amadoda amabini ayencedisa le ndoda.

Le nkosikazi yabanjwa emva kwesi siganeko yaqala ukuvela enkundleni kwinyanga ephelileyo. Imibutho yamanina equka iSonke Gender Justice, Masimanyane Women Support Centre yaseMonti, amanina weANC neminye ibikula nkundla ibonisa inkxaso yayo kule nkosikazi.

“Inkwenkwe xa inemikhwa emdaka, iyoluswa ibe yindoda, indoda esisidlwengu yona kumele ukuba siyinikwe singoomama siyiphinde siyoluse ngokwethu ngoku,” uthethe watsho Mahongu.

Lo ceba waseKapa uthi uzixhamle wasuka kwelaseKapa eze kunika inkxaso yakhe kule nkosikazi.

“Eyona nto ndiqonda ukuba yingxaki apha kukuba bonke aba bantu bahlala kwindawo enye bayazana, cingela uxinzelelo abakulo la mntwana udlwengulweyo, lo mama nezinye izihlobo, akathathi ntweni uyazihluphekela lo mama,” ucacise watsho uMahongu.

Lo ceba weDA usuke eKapa ekunye nosomashishini owaziwayo kweliya laseKapa uBuyelwa Bomela ngelize kunika inkxaso yabo kule nkosikazi.

“Le nto ndiyithetha njengesiqu, njengenkosikazi eyinxalenye yezi ngxaki, ayinanto yokwenza neDA luluvo lwam olu,” uthethe watsho uMahongu.

Ngazwinye amanina aphuma kule mibutho avakalise inkxaso yawo kule nkosikazi emva kokuba imantyi ibichophele eli tyala, uMhlanga Bala, ethe walichitha ityala.

UNomandla Breakfast osebenza kwi-ofisi yeMoral Re-Generation eChris Hani, uthi lifikile ixesha lokuba bawanikwe amadoda adlwengulayo bawenze amadoda ngokutsha.

“Sithetha ngazwinye sithi masiwanikwe la madoda kuba kuyabonakala ukuba awazange oluke ngendlela, indoda eyaluke ngokukuko ayinakuze izithathele, sifuna ukubalusa ngokwethu sibaphinde, kwanele ngoku,” uthethe watsho uBreakfast.

Inkundla kamantyi eCacadu ibizele imi ngeembambo ngenxa yomdla otsalwe leli tyala kuluntu loMzantsi Afrika.

Ukanti igqwetha lale nkosikazi uBuhle Tonise unikise ngeenkonzo zakhe simahla kule nkosikazi ngelizama ukubonisa inkxaso yakhe.

“Baninzi abantu abebefuna ukumnceda lo mama kodwa mna ndinikise ngoncedo lwam simahla kuye ngenjongo zokuba akwazi ukusebenzisa le mali kwezinye izinto,” utshilo uTonise.

Phantsi kweliso elibanzi legqwetha layo, le nkosikazi ivakalise umbulelo kwabo bamncedileyo.

“Ndiyavuya ngesi sigqibo, kodwa ndibulela kakhulu kubo bonke abantu abandincedileyo ukusukela oko kwathi kwaqala le ngxaki, abaselalini, amapolisa nemibutho ngokubanzi,” itshilo le nkosikazi.