Amakomanisi afuna utshintsho kwa-e tv

EMVA komngcelele woqhankqalazo ebebewujongise eSABC ngoLwesithathu umbutho wamakomanisi weli uzakubamba omnye umngcelele namhlanje, ojoliswe kwa-e tv.

Ingxelo ekhutshwe ngulo mbutho ithi eli jelo leendaba maliyeke ukubonisa iimbono zonyulo ezibonakalisa uluvo lwabantu elingathi lingeza neenguqu kunyulo esijonge kulo.

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo ijelo leendaba lika-e tv likhuphe iingxelo zezimvo zabantu zibonakalisa ngathi iDA izakuphumelela koomasipala iTshwane, iNelson Mandela Bay kwakunye naseGoli.

Olu vavanyo lwezimvo zoluntu liqhutywa yinkampani i-IPSOS, kwaye zipapashwa rhoqo ngoolwezine, ziphindaphinde kwijelo lika-eNCA.

Ngokombono weSACP olu vavanyo alinabunyani, liqhutywa ngumfutho wokufuna utshintsho kulawulo lweli, kwaye eli jelo lizirhoxise ezi ndaba ngokukhawuleza.

Lo mbutho ukwathe ufuna * -e tv ahloniphe amalungelo abasebenzi.

NgoMeyi walo nyaka kubekho ingxwabangxwaba kule nkampani emva kokuba ibali lenye yeentatheli kweli jelo uNontobeko Sibisi lithe aladlalwa kuba wayethwele iqhiya. Amakomanisi athe afuna iinguqu kweli jelo losasazo.

Ngolwesithathu lo mbutho ububambe uqhankqalazo olusingise kwaSABC, ukhalazela ukunyhashwa kwamalungelo eentatheli.

Kuxwebhu elinikezelwe kuSABC iSACP ithe igosa eliyintloko kule nkampani uHlaudi Motsoeneng makalahle kwesi sikhundla.

johnnie.isaac@inl.co.za