Amakomanisi angenela uvoto eAlfred Nzo

AZAKUQUBISANA kuvoto amalungu eSACP naweANC kwingingqi yeAlfred Nzo. Oku kuthethwe ngunobhala walo mbutho kule ngingqi uPhikolomzi Siramza.

OkaSiramza uthe baphethe amalungiselelo obhaliso bengamakomanisi kule ngingqi emva kokuba kungekho sisombululo phakathi kwabo neenkokeli zemanyano kanxantathu equka iANC, iSACP, iCOSATU neSANCO.

Noxa kunjalo ukwathe iingcango basazivulile ukuba ngaba iinkokeli zemanyano kanxathathu ziyababiza bahlale phantsi kusonjululwe imiba ekungavisiswana ngayo.

Isithethi seSACP kweli phondo uSiyabonga Mdodi uthe akukho malungu alo mbutho azakungenela unyulo ngaphandle kweenkqubo zeANC. “Kwinkongolo yeshumi elinesithathu, nenkongolo ekhethekileyo yesithathu savumelana ukuba iSACP izakuxhasa iANC kolonyulo,” utshilo uMdodi.

Nosihlalo weANC kweli phondo uOscar Mabuyane uthe inyathelo lamakomanisi eAlfred Nzo linyathelo eliphumele ecaleni elidalwa ngamalungu alo mbutho kula ngingqi, aliyonxalenye yeSACP.

UMabuyane uthe, “Ayibobukomanisi obuya, ubukomanisi bungokuzinikela ungajonganga nzuzo, abo balungiselela unyulo phantsi kweSACP bazimele nje ngobukomanisi.”

Ukwathe “Kuyasidanisa siyimanyano ukubona abantu ebebefudula bengabathunywa beANC eburhulumenteni beb- henela kumanyathelo anje, bengavumi ukuphuma ezikhundleni xa iinkqubo zibakhaba ngokungathi badalelwe ukuhlala besezikhundleni.”

Ukwathe imanyano kudala izama ukulungisa iingxaki zamalungu kule ngingqi nezibangwa ngabantu abathatha ubuthunywa njengengqesho.

johnnie.isaac@inl.co.za