AmaKomkhulu ayasebenza, kodwa awawongwa

UMSEKI wamawonga ajolise ekugqamiseni imisebenzi yeenkokheli zemveli (South African Traditional Leaders Awards), uFatima Rulashe, uthi iliqela imisebenzi eyenziwa ngabantwana begazi, kodwa eminye yayo ayaziwa futhi ayiwongwa.

UFatima Rulashe, umseki weSATLA UMFANEKISO: FACEBOOK

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uRulashe uthi la mawonga ajolise ekubuyiseni isidima samaKomkhulu, ukugqamisa imbali yemveli kwanokuwonga imisebenzi yabantwana begazi.

NgoMgqibelo umhla wesibhozo kuCanzibe, la mawonga aza kube esungulwa ngokusesikweni kwiKomkhulu labaThembu baseNtshona kuQamata, kuCofimvaba.

“Yonke into imi ngobume ngokwamalungiselelo, akukho nto isileleyo. Siwamemile amaKomkhulu, nosapho lobukhosi babaThembu baseNtshona noMasipala waseNtsika Yethu, ukuba babeyinxalenye nomsebenzi wokusungulwa ngokusesikweni kwamawonga walo nyaka.

“Izimemo sizikhuphile kodwa ke abantu abangqonge iKomkhulu siyayazi ukuba abayi ngasimemo Komkhulu. Iimvumi esizimemileyo nguDumza Maswana, Betusile Mcinga, Csana, Lwandile Mgedezi, Mawethu Madikiza, amaqela omxhentso nawenkciyo.

“Simeme namagqirha kuba kaloku siza kube sikhumbuzana ngemveli yethu. Sibamemile nabaphathiswa bephondo utat’ uXolile Nqata, umam’ uWeziwe Tikana-Gxothiwe notat’ uFundile Gade.

“Simeme utat’ uGade kuba ngomhla owandulela owokusungula amawonga, siza kuba nenkqubo yokufundisa abantwana ngemvelaphi yabo. Abantwana bafundiswa imbali ngooHitler, kodwa abanalwazi ngembali yakwaMatanzima. Sicele uNkos’ uNgangomhlaba Matanzima ukuze asinike inkcaza nemvelaphi ngobukumkani bakwaMatanzima,” utshilo uRulashe.

Ethetha ngengcingane eyakhokelela kula mawonga, uRulashe uthe: “Ingxaki esijongene nayo kukulahleka kwembali yethu thina bantsundu. Uthi sowufuna ukugqamisa imbali yakowenu, ujongelwe phantsi ngabanye.”

“La mawonga ngawokubuyisela isidima sobukhosi, kuba siya sibona ukuba siyahexa. Iinkosi sifuna ukuba zibonakale ukuba ziyasebenza, kuba azibonakali ngenxa yokuba zifihlakele. Sifuna amaKomkhulu obuKumkani ahlonipheke, ukuze sizidle futhi sibenebhongo neqhayiya njengabantu abamnyama.

“Sawaqala la mawonga ngo2015 emva kokuqaphela ukuba abantwana begazi bayasebenza kodwa abawongwa. Bonke abanye abantu banamawonga, umzekelo iimvumi kodwa bona abantwana begazi akukho nto bawongwa ngayo,” kutsho uRulashe.