Amakrwala aphila nenkubazeko abuyile

Abakhwetha abaphila nenkubazeko baseNomzamo Special Care Centre eNgqushwa belungiselela umhla wabo wokuphuma

Ngamakrwala asibhozo aphila nenkubazeko abuye esuthwini engabikwa hlaba emva kokuba iNomzamo Special Care Centre, eNgqushwa, inike la madoda ithuba lokuba abengamadoda.

La madoda matsha angane kweli siko linetyheneba lokubulala abantu abatsha ekhathalelwe likhankatha elisemthethweni, uQinisile Fukweni.

UFukweni uthi ukukhathalela abakhwetha abakhubazekileyo akufani nokukhathalela umntu ophilileyo, kodwa uyazidla kuba babuya oko ukusukela ngonyaka koka2015.

“Ngunyaka wesithathu lo sisalusa abantwana abakhubazekileyo ngaphandle kweengxaki, kodwa akululanga ukukhathalela umntu onje, amava nolwazi endalufumana kumadoda akudala luyandinceda,” kutsho uFukweni encumile.

USiphesihle Msuthu, Sivuyile Nqishe, Siyabonga Hokisi, Achumile Qoyiya, Unathi Mali, Nkululeko Lapi, Khaya Klaas noBulumnko Mtshewu bafumene ithuba lokuba nabo bazibone bengamadoda njengabanye abantwana.

Ongumanejala weli ziko uLizzie Holani uthi kudala eyenza le nto yokunika ithuba abantu abaphila nenkubazeko ukuba boluke njengamanye amadoda.

“Ndiqale koka-1986 eSada, apha eNgqushwa ndiqale koka-2012; iinjongo kukuba nabo baphile ubomi obupheleleyo, nabo bayafuna ukuba ngamadoda njengabanye abantu. Yilonto ndisithi yonke into eyindoda mayoluswe!” uthethe oko uHolani.

Le nkosikazi ithi kuyayivuyisa ukuzibona ikhathalela abona bantu banganakwanga ekuhlaleni; ingakumbi kwisiko lolwaluko,

“boluka bebadala kuba amakhaya abo ayathandabuza ukubanika ithuba lokuba boluke ngenxa yenkubazeko, siye sithethe namakhaya sivumelane ngokuba maboluswe. Baye bavuye kakhulu emva koko.”

Balandela inkqubo efanayo naleyo ilandelwa ngamadoda angakhubazekanga.

“Phambi kokuba boluke benza zonke iinkqubo zikarhulumente ezifana nokuhlolwa izifo nokukhangela ukuba bakulungele na ukungena kweli siko, kamva sibanikela kwikhankatha lalapha elingutata uFukweni,” ucacise watsho uHolani. Le ngxelo ithi uninzi kula madoda agula ngesifo sokuwa, ukuqina umzimba kwanokungakwazi ukuhamba okubangela ukuba basebenzise izitulo ezinamavili.

“Amayeza ezigulo zabo bawafumana ngaphandle kwengxaki. Bayakuva xa uthetha nabo, bayenze okomzuzwana, kufuneke ukuba uhlale ubajongile imini nobusuku. Ndincama yonke into xa kukho abakhwetha ekumele ndibakhathalele,” uthethe watsho uFukweni.

Eli ziko likhathalela abantwana abaphila nenkubazeko ngokubagcina, libanike iinkonzo ezifana nonyango, intuthuzelo neengcebiso zokuphila nenkubazeko.

“Sisebenzela ukuba bangene esuthwini kwiminyaka elishumi elinesibhozo njengaba, kulo nyaka uphelileyo besinomkhwetha ominyaka ingamashumi amane ngenxa yokulityaziswa zintandabuzo zekhaya,” utsho uHolani.

Ukusukela oko kuthe kwaqalwa ukoluswa la madoda kweli ziko akukho namnye umkhwetha owakhe wabhubha nanjengoko bebhubha kwezinye iindawo zephondo.

Usihlalo wekomiti ejongene nolwaluko kumasipala waseAmathole uMzikayise Khawulela uyaqhayisa ngomsebenzi wokwaluka owenzeka eNgqushwa.

“Asinayo ingxaki yokubhubha kwabakhwetha apha eNgqushwa, kodwa sizama ukuvala amazibuko,” watsho uKhawulela.