Amalinge okuphuhlisa uMzantsi Afrika

Ilizwekazi lamaArabhu libhengeze ukuba liza kutyala imali eqikelelwa kwi10 yeebhiliyoni zeerandi kweli loMzantsi Afrika.

Esi sibhengezo sichukumisayo senziwe emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa edibene noKumkani wamaArabhu uSalman bin Abdulaziz al Saud neNkosana yela lizwekazi uMohammed bin Zayed Al Nahyan kwisixeko iAbu Dhabi kutshanje.

Singatsho ukuba ukuzothi ga ngoku, uRamaphosa uzise isixa esimalunga ne266 yeebhiliyoni zeerandi kwilinge lakhe lokuloba abatyalizimali eMzantsi Afrika.

Esi sibhengezo sifike ngexesha abantu besamhokamhokana nokwenyuka kwamaxabiso epetula okuqhubeka kuxhomisa amehlo.

UMongameli ukwaguqe ngedolo ebongoza elo laMaArabhu ukuba linyuse umyinge walo wemveliso yeoli, nto leyo engakhokelela ekwehleni kwamaxabiso eoli ekrwada, ize ekugqibeleni yehlise namaxabiso epetroli.

Ezi ndaba zotyalomali zamkelwe ngokubanzi kwimalike zeli lizwe zaze zakhokelela nakwiQumrhu iIMF eliye lavakalisa ukuba ngonyaka ozayo ka2019 uMzantsi Afrika uza kukhula ngaphezulu kwisithathu ekhulwini (3%) .

La manani abonisa ukuhluma okuphawulekayo kuqoqosho lweli oko ethe waxhuzula umkhala umongameli omtsha ekuqaleni kwalo nyaka.

Nakubeni okwangoku kukho iindaba ezivuyisayo, iziqhamo zotyalomali azizukunambithwa ngoko nangoko, kuseza kudlula ixeshana phambi kokuba zibonakale ekuhleni.

Kusenjalo, kurhanelwa yaye kukwaqikelelwa ngabahlalutyi bezopolitiko nabezoqoqosho ukuba iBhanki enguVimba ingenyusa izinga lamaxabiso (inflation) liyokutsho ku5.5% ekuqaleni kwalo nyaka uzayo.

Oku kuphenjelelwa ngoothunywashe abafana nexabiso lepetroli eliqhubeka linqol’ intaba, ukwehla kwamandla erandi namaxabiso anyukayo weoli kunye namandla ombane.

Okulusizi kukuba iziphumo zoku ziza kubabhaxabula kanobom abo bangathathi ntweni ubukhulu becala.

Uninzi lwabantu lumaxhaphetshu lunyanzelisa ukuthotywa kwerhafu ebhatalwa ngabathengi bepetroli.

Oku bakutsho ngelithi kungehlisa ixabiso lepetroli ukuze namaxabiso okutya jikelele ehle.

Eneneni nakubeni oku kuvakala kusengqiqweni, ukwehliswa kwale rhafu kungazisa umohlukwana nje ongephi kuba ekugqibeleni urhulumente kuza kufuneka ayiqokelele le ngeniso yale rhafu ngezinye iindlela ezingaquka ukwenyuka kwerhafu yabasebenzi.

Esona sizekabani ziimeko zehlabathi jikelele ezithwaxa onke amazwe, esingabalula kuzo ungquzulwano phakathi kweTshayina neMelika.

Ezikwasematheni kukwenyuka kwezinga labasebenzi abaswelekayo kwiingozi ezenzeka emigodini. Ukuzokutsho ngoku, ngama54 abembi-migodi abangxwelerheke baza basutywa kukufa besemathunjini omhlaba.

Ezi ziganeko zimanyumnyezi zijongwa njengezisingela ecaleni imizamo yokuphucula uqoqosho lwelizwe. Abezopolitiko nabatyalizimali baxhalabile zezi zehlo yaye banyanzelisa ukuqiniswa kwemilinganiselo yokhuseleko emigodini.

Kwezezimali, sithetha nje ixabiso lerandi xa lithelekiswa neledola yaseMelika likwiR13.25; lize libeyiR15.50 kwiYuro.

Oku kuthetha ukuba lusaqhubeka uxinizelelo kumandla emali yeli.

*UAphiwe Ngunge ngumhlohli weEconomics kwi-IIE Rosebank College, ePitoli