Amalungu eDA anikezela ngezithole kwamanye amalungu

Amalungu eqela leSiyaphambili kunye noMzukisi Phahlwa nosebenza kwaSocial Development kwicandelo lakwaCommunity Development Services kunye noSikhumbuzo Venene onguceba wakwa Ward 9 kwiqela leDemocratic Alliance.
Ancedisana nephulo leSebe loPhuhliso amalungu eqela leDemocratic Alliance ngokuthi anikezele ngezithole kwamanye amalungu khon’ ukuze azo kukwazi ukutyala, akhawulelane nendlala kunye nentswelo ngqesho.
UMzukisi Phahlwa nosebenza kweli sebe  kwicandelo lakwaCommunity Development Services, uthe isebe lasungula iBackyard Gardens kuba lifuna abantu bazityalele ngokwabo baphinde bathengise ezinye izinto ukukhawulelana nokungabikho kwemisebenzi kunye nendlala egqubayo kwamanye amakhaya.
Uqhube wathi, “Le nkqubo iyanceda kakhulu kuba abantu bayakwazi ukulima bafumane ukutya baphinde bakwazi nokuthengisa.
“Watsho esithi eli phulo lisungulwe kunyaka ophelileyo kwaye bayayivuyela indlela abantu abazinikele ngayo ekuqinisekiseni ukuba iBackyard Gardens iyaqhubeka.”
Ukwaveze ukuba kungoku nje banamaqela amahlanu nalapho iqela ngalinye linamalungu angamashumi amabini (20), kwaye ilungu ngalinye likhupha imali engange R15 randi ukuncedisa kwinkxaso-mali abathi bayifumane esebeni.
“Ngemali abayikhuphayo senzela ukuba  bakwazi ukuthenga izinto abaza kuthi bazidinge, kwaye bakwazi nokuzimela ukuqinisekisa ukuba amaqela akapheli endleleni kodwa aqhubekele phambili.”
UBuyiswa Damani nongunobhala weDemocratic Alliance Women’s Network (DAWN) kwaWard 9, uthe bayayivuyela kakhulu le nkqubo yeBackyard Gardens kuba bazo kukwazi ukuthengisa baphinde batye.
“Siyayazi ukuba imisebenzi inqabile kwaye uninzi lwabantu abangaphangeliyo lulutsha, ngako oko eli phulo liza kunceda kakhulu kwaye liza kuwenza umohluko”, utsho uDamani.
Watsho esithi igama leqela labo balibiza ngokuba yiSiyaphambili Community Garden, kwaye unobangela wokuba bayibize njalo kungokuba bazimisele ukuqhubeka baye phambili.
Ukwavakalise ukuba babonile ukuba  mabangahlali phantsi koko mabazame ezinye iindlela zokufumana izithole, yilo nto becele kwamanye amalungu nathe anikela ngezithole ezinje ngekhaphetshu, ispinatshi, itswele, betroot kunye nezinye izinto.
“Siyabulela kakhulu kumalungu athe olula isandla asinceda ngoku siza kukwazi ukutyala sitye,” utsho uDamani
Watsho esithi uyakholelwa ukuba xa ulutsha lunokuzinikezela kweli phulo lungazuza lukhulu kuba lungasinda ekugaxelekeni kwizinto ezingalunganga kuba ixesha elininzi luza kuluchitha ezigadini lutyala.