AmaMfengu amfenguzela igama elitsha

UGqr Manduleli Bikitsha obesisithethi kusuku lokukhumbula isizwe samaMfengu kunye nentsusa yegama lesi sizwe eGcuwa Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“Asikwazi ukuthi asikho isizwe ekuthiwa sesamaMfengu! Bukhona ubuMfengu! Igama yinto oyiyo kwanento oyenzayo. La magama, umzekelo eli lamaMfengu, sawafumana ngukuhamba-hamba.” kutsho oGqr Manduleli Bikitsha ngoMvulo, eGcuwa, xeshikweni kubanjwe Isikhumbuzo samaMfengu.

“Zazingekho izizwe zamaGcaleka nezizwe zamaRharhabe mandulo; yayingamaZimba kuqala, emveni koko baba ngabeNguni, baba ngamaXhosa, phambi kokuba babe ngamaGcaleka namaRharhabe!” uqhube watsho uBikitsha.

Kulo nyaka amaMfengu agqiba unyaka we184 esaziwa njengamaMfengu. Kule minyaka idlulileyo ziye zisanda izimvo zokuba igama eli lithi “Mfengu” likrwada kwaye sisithuko esisuka kwigama lokumfenguza.

Isichazimagama sesiXhosa sikuchaza ukumfenguza njengo- “kubhadula ufuna indawo apho ungema khona ukuze ufumane umsebenzi nokutya, uphakamise iphango kuba uxhwalekile; eli gama elasetyenziswa ngabantu baseMbo ekufikeni kwabo bevela kwaZulu bechithwa yimfecane, besithi ‘siyamfenguza’, laza langena emaXhoseni.”

UNkosi Jamangile Mbana, obengumhlokomisi-nkqubo, wongeze ngelithi igama eli lithi “amaMfengu” alithiywa nguKumkani Hintsa (Ah! Zanzolo!) xeshikweni ewamkela kumhlaba wakhe.

Ukwavumile ukuba kukho abalibona njengesithuko eli gama; njengegama elibhekisa kubantu ababhadulayo nabangazaziyo.

UGqr Nokuzola Mndende, obe sisithethi sokuqala kulo msitho, uvule ngamazwi agxininisa esele kudala eyithetha yokuba asikho isizwe ekuthiwa sesamaMfengu,

“Ayikho le nto yamaMfengu! Akukho mntu uliMfengu apha! Ligama enalithiywa ngamakoloniyali eli!” utsho ebhekisa kwixesha apho abaMbo babedibana nabelungu bemfenguzela eMpuma Koloni.

“Sisithuko eli gama! Nala nto ithethwa nguManduleli yokuba ooGcaleka nooRharhabe bebekade bengooXhosa nooNguni kukugqwetha inyani.

UGcaleka noRharhabe yayingabantu! Ngoko ke ezo zizwe zathiywa ngabantu, hayi ngesiganeko ezifana nokumfenguza. Bonke nooMpondomise yayingabantu. Sicinga ukuba ingamkeleka into yokuba sithi abantu abasuka kumntla-Afrika ziiMbacu nabo bazibize iimbacu emveni koko? Sisithuko!” phambi kokuba acebise ukuba namagama afana nooFingoland Mall kufuneka atshintshwe ngoba athiywe ngezithuko.

Nabo bebezimase lo msitho baye bafumana ithuba lokuhlomla; uninzi lwabo luvuma ukuba lona igama eli lithi “mfengu” alihlali kakuhle. Bambi besithi malamkelwe.

Emva kokubona ukuba akude kufikelelwe kwisivumelwano kwaye kukho noluvo olutshotsha entla lokuba amaMfengu mawazibize “abaMbo” umhlokomisi-nkqubo, ucebise ngelithi mawabe ezibiza “uMbo owamfenguzelwayo” amaMfengu.

Kulo nyaka uzayo, ngomhla we13 kuCanzibe kulindeleke ukuba kubanjwe isikhumbuzo se185 samaMfengu eBlythswood, nalapho kucelwe abantu baze bexhobe ngamagama nophando olunokuthi lusombulule le ngxubakaxaka yokumfenguza kwamaMfengu.