AmaMfengu kubuKumkani, izithethe namasiko

Inkosi Manduleli Zanokhanyo BikitshaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

ISIZWE samaMfengu, ngokwendawo yawo ekuthiwa yiFingoland, bekufanele ukuba sinobukumkani baso njengoko kwenzeka kubaThembu baseNtshona, kodwa amaMfengu akekho kulo ngxoxo ngoku apho akhoyo kukuzilanda ngokwamasiko nezithethe.

I’solezwe lesiXhosa lenze udliwanondlebe noNkosi Manduleli Bikitsha wamaMfengu apho undoqo ibikukugxila kwiphulo lesi sizwe lokuzilanda ngokwembali yaso, amasiko nezithethe.

UBikitsha usamile kwelithi amaMfengu ngamaMfengu, futhi “akukho nto isisenyeliso ngalo nto”. “Phesheya [komlambo] iZambezi, esi sizwe namhlanje sisazi ukuba ngamaGcaleka namaRharhabe, yayingengomaGcaleka okanye amaRharhabe. Ukuwela kwabo iZambezi bajika yaba ngabeNguni, emva kokufika kweli phondo bangamaGcaleka namaRharhabe. Ndizama ukuthi izizwe zitshintshwa kukuhamba zifuthelana nezinye,” utshilo uBikitsha.

“Into ebalulekileyo kwisizwe yinkcubeko, isithethe namasiko. Ukufika kwethu kwaGcaleka, safika singabaMbo, singengomaXhosa, sanikwa umhlaba nguKumkani Zanzolo. Asizange sibe nengxaki ngokubizwa amaMfengu kuba oko kwayanyaniswa nesiganeko nemfuduko yethu.

“Asikwazi ukubizwa ngabaMbo kuba amaBhaca ngabaMbo, amaBomvane ngabaMbo. Ngoku ke ngoku thina uza kuthi singabaMbo njani, amaBomvane ibezintoni? Ngoku into esiyithethayo kukulanda amasiko nezithethe zethu. Mandulo amaMfengu ebenamasiko wabo, enxiba ngendlela yawo, esolusa amakhwenkwe wawo ngendlela yawo,” utshilo uBikitsha.

UBikitsha uthi amaMfengu akekho kwiphulo lokubanga ubukumkani futhi bayayihlonipha ikumkani yabo uMpendulo Zwelonke Sigcawu.

“Ndicela ukuyicacisa ukuba iKumkani yethu inye nguZwelonke, kodwa lo nto ayithethi ukuba asinakuba nalo ibango kubukumkani bethu. Ngo1865, iFingoland eGcuwa yasekwa ngexesha elinye neThembuland kuCofimvaba. AbaThembu bakuCofimvaba banobuKumkani babo, kodwa andikafuni kuthetha lo nto,” kutsho uBikitsha.

“AmaMfengu akufuneka ukuba awuxoxe ngokwawo lo mbandela kuba kaloku akunokuvele kuthiwe nguDlamini, uBhele okanye uHlubi.”